Indawo Efumaneka kuyo iBakubung Bush Lodge, ePilanesberg National Park

Indawo iBakubung Bush Lodge ikumandla ongenaso isifo sika malaleveva iPilanesberg National Park ekufuphi eSun City, eMzantsi Afrika.

Indawo iBakubung Bush Lodge ikwintliziyo yom-mandla ongenaso isifo sika malaleveva iPilanesberg National Park. Yonwabela ukuphola nokuzola okuphakathi kwihlathi i-African Bush ngexesha uhlala kufuphi xa uthi uqhube isithuthi kwi Sun City eqharhazileyo. Ukuqhuba xa usuka eJohannesburg usingise e Bakubung Bush Lodge kuzakuthabatha iiyure ezimbini kuxhomekeke ekuxakekeni kwendlela.

Indlela xa usuka e-Fourways ese Sandton

Thabatha indela uN1, esingisa ngase Polokwane. Thabatha u N4 oya eRustenberg ohlukanayo (indela enetonela). Landela indlela ungajiki, uzakubona ibhodi ecaleni kwendlela ebhalwe Pilanesberg ngase khohlo kwindlela route 91. Phumela ngase khohlo kwindlela ephezulu.
Kwindawo engunxantathu jika ekunene uqhubekeke kulendlela ukuya eSun City. Xa ufika eSun City, hamba ungajiki usingise ugqithe indawo yokugalela ipetroli izenex garage ngase kunene, emveni komgama we khilomitha ezine (4) uzakubona umbhalo okuchazela okokuba jika ngase kunene ufumane iBakubung, landela indlela izakukholela kumasango ase Bakubung kunye nendawo yakho yokuhlala ephakathi kwehlathi elikufuphi eSun City.

Indlela nge GPS Co-ordinates

25° 20’ 430” S
27° 03’ 220” E

Sun City Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
  • Customer Support
  • Tel: +27 21 424 1037
  • Fax: +27 21 424 1036
  • Contact by Mail
  • Business Hours
  • Mon - Fri. 08:00 - 17:00
  • Saturday. 08:00 - 12:00
©2020 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel