Onokuthi ukwenze eBakubung Bush Lodge

Lindela uhambo olumnandi ngesithuthi ujikeleze ubukele izilwanyana ngexesha uhleli kulendawo inezilwanyana ikufuphi eSun City ePilanesberg National Park, eMzantsi Afrika.

Uhambo Lokubuka Izilwanyana

Buka ihlathi lase Afrika ngexesha uhamba ngesithuthi ubuka izilwanyana, kwaye ujonge ezona zilwanyana ezinkulu ezintlanu zeli, amagama wazo, Ingonyama, Umkhombe, Indlovu, ingwe kunye ne Nyathi.

Uhlelo laba Lawuli Bendawo Yemfuyo Abasakhasayo

Lukhona uhlelo olukhethekileyo Labantwana kwindawo ohlala kuyo ePilanesberg oluthe lwasekwa ngenjongo yokugcina abantwana bonwabile. Elihlelo likhethekileyo, lungaqhelekanga lufundisayo luthi lujongwe ngabasebenzi abaqeqeshiweyo ze bawufundela umsebenzi. oluhlelo lujonge abantwana abaphakathi kweminyaka esithandathu 6- ukuya kweyi 12.
Abantwana bakho bazakuthi bathabathe inxaxheba bahambe phakathi kwezilwanyana, ukuze bafunde ngakumbi ngobomi bentaka, ubomi basendle, kunye noninzi lwezityalo ePilanesberg National Park. Ekupheleni kwenkqubo, umntwana ngamnye uzakufumana ibeji yomdlalo kunye nokuncamathiselwa kuye okuchazayo.

Uhambo Olumnandi eSun City

Ungakhwela kwibhasi ejikelezayo esingisa eSun City ngemalana nje encinci. Yonwabela igolufa okanye ubukele enye yemidlalo yeqonga kwindawo yokuzonwabisa ese Sun City. Ngexesha ukwi holide eMzantsi Afrika eSun City, ungandwendwela ifama yee Ngwenya kunye ne paki yezilwanya ezitya ezinye eyonwabisayo.

Okunye Onokuthi Ukwenze

  • Ivolibholi
  • iTafile yentenetya
  • Ikhilikithi edlalwa ngaphakathi
  • Intenetya
  • Uhambo ehlathini

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel