SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failedIndawo Efumaneka kuyo iBush Bungalows eSun City Resort

Indawo Efumaneka kuyo iBush Bungalows eSun City Resort

Ii-Bush Bungalows eSun City kulula ukufikelela kuzo xa usuka eJohannesburg, eMzantsi Afrika.

Ii-Bush Bungalows eSun City zifumaneka phakathi eSun City Resort. Lendawo yokuzonwabisa ifumaneka kwiphondo lase North West, kwelo Mzantsi Afrika, kumgama oyi 5km ( 3 miles) ukusuka ePilanesberg National Park ne Predator World. I-Bush Bungalows eSun City kuluka ukufikelela kuzo xa usuka eJohannesburg, kwelo Mzantsi Afrika, kwaye zikumgama ongama 40 km (25 miles) ukusuka eRustenburg.

Indlela xa usuka e-OR Tambo International Airport

Iindwendwe eziphuma kwisikhululo senqwelo moya kufuneka zihambe ngase khohlo zithabathe indlela u R21 eya ePitoli. Emveni komgama ongama 37km (23 miles), thabatha indlela u-N1 East (Exit 134) eya ePietersburg. Qhubeka ngomgama ongama 22km (14 miles) kwindlela u-N1 uthabathe indlela ephumayo u-N4 (exit 156) esingisa eRustenburg.
Ngexesha uku N4, iindwendwe zihamba zigqithe iitonela ezimbini ezizi plaza. Eyesibini ibizwa ngokuba yi Brits Plaza. Kumgama ongama 28km (17 miles) ukusuka eBrits Plaza, thabatha indlela ephuma ecaleni kancinci u-R556 (exit 225) ukuya eSun City. Qhubeka uhambe ngendlela u-R556 ungajiki emveni kwama 77km (48 miles) iindwendwe zizakufika kwigeyithi enkulu yase Sun City. Indawo iBush Bungalows eSun City Resort iyafumaneka emveni kokudlula igeyithi ekwicala langase kunene.

eBush Bungalows eSun City GPS Coordinates

25°21'21.9"S
27°06'28.4"E

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel