Onokuthi ukwenze eBush Bungalows eSun City

Iindwendwe ezihlala eBush Bungalows Sun City zingathabatha inxaxheba kwintlobo ezahlukileyo zokuzonwabisa kunye nezo zidlalwa niliqela eSun City Resort.

Iindwendwe ezihlala eBush Bungalows zikufuphi kwaye zingakwazi ukonwabela konke okonwabisayo okufumaneka eSun City Resort.

U-Lonwabo Losapho

Kuninzi lwezinto zokuzonwabisa onokuthi uzenze, zikhona ezilungele abadala zibekhona nezo zilungele abantwana. Iindwendwe zingachitha usuku zibukele izilwanyana, zikhwele amahashe, zikhwele izikhitshane ezincinci okanye ziqubhe kwindawo iValley of Waves.

UMzi wee-Ngwenya

Iindwendwe zinga ndwendwela umzi wengwenya okufuphi kwi Bush Bungalows, nasekungeneni eSun City. Lomzi mkhulu kuqikelelwa okokuba ugcina iingwenya ezingama 7 000, kuquka enye yeengwenya ezinkulu kakhulu eyathi yathinjwa emhlabeni.

Okunye Kokuzonwabisa

Bukela umdlalo wokugqibela, uzame intlahla yakho eSun City Casino, bukela umdlalo we zemidlalo okanye utsibele amanzi kwi Valley of Waves uphinde undwendwele iLost City. Likhona ibala lokudlala igolufa likhona kwabo bathanda igolufa, ze ugqibe usuku lwakho kwenye yeendawo ezininzi zokutyela eSun City Resort.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel