6 DayI-Holide Yosapho Efikelelekayo eSun City

I-Holide yentsuku ezintandathu efikelelekayo elungele iintsapho ezifuna ukwenza iinkumbulo zanaphakade, yonwabele imidlalo yamanzi, ukubona izilwanyana zasendle kunye nokudla okumnandi kwentsapho. Indaba ezimnandi zezi….abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi 12 …bahlala MAHALA!

Le holide yentsuku ezintandathu ongaziqhubela isithuthi ukuya kuyo, ilungele usapho kwaye iyafikeleleka usingise eSun City nase Pilanesberg National Park izakuthatha ikuse kuhambo ongasokuze ulilibale nosapho lwakho. Le phakheji ifikelelekayo yase Sun City ilungele iintsapho ezifuna ukuphuma kancinci edolophini ezihlala zixakekile ukuze zichithe ixesha njengo sapho, bangadanga bophula ibanki.

Hlola iSun City ekudidi oluphezulu nosapho lwakho. Alukho uhambo olubekiweyo okanye omawukwenze, lonto ke inikeza wena nosapho lwakho inkululeko yoku hamba-hamba kulendawo yokutyelelela ikudidi oluphezulu ngexesha lakho. Abathandi bezilwanyana bazokonwaba kakhulu, zininzi izilwanyana onokuzibona kwi Pilanesberg National Park engenaso isifo sika malaleveva. Imidlalo yabantwana ekhethekileyo izakuvuselela umdla nothando lwezilwanyana zeli le Afrika zasendle nendalo.

Usuku Lokuqala (1): Sun City

Shiya iJohannesburg wonwabele ukuqhuba kwindlela enemibono emihle usingise eSun City Resort. Xa ufika, abasebenzi abanobubele bazakunceda nosapho lwakho bakubonise indawo ozakuhlala kuyo eSun City.
Chitha ixesha lokuzonwabisa nosapho eValley of the Waves okanye ubuke indawo yokutyelela. Xa ufikile kwi Valley of the Waves wena nosapho lwakho ningafumana ukubona umlambo ogragramayo - ipuli engama 6 500 square metres kunye ne Bhulorho ye Xesha (Bridge of Time) ethi yenze isandi sokudubula rhoqo ngeyure.
Emveni kokuchitha iyure elangeni, zilungise ze uchithe injikalanga nosapho lwakho kwindawo yokuzonwabisa. Abo bathandanayo xa befuna ukuchitha ixesha kunye bodwa bengaphazamiswa ecasino okanye bebukele imidlalo yeqonga, zikhona iindawo zokugcinisa abantwana kwindawo yokutyelela iSun City.

Usuku Lwesibini ukuya Kwelesithathu (2-3): Sun City

Vuka kusasa wonwabele isidlo sakusasa esimnandi kwaye utye kangangoko ufuna. Wena nosapho lwakho nakuba nenkululeko yokuchitha injikalanga ngendlela enithanda ngayo eSun City Resort.
Hamba ke uye kwindawo yolonwabo losapho eWater Wonderland ze uthabathe uhambo ngesikhephe elwandle nosapho.
Yenza igazi lakho libaleke nemidlalo emnandi yase manzini equka jet-skiing, parasailing, waterskiing okanye wakeboard, tube rides, kunye nobumnandi bokuvusa iinyoka.

Usuku Lwesine (4): Pilanesberg National Park

Emveni kokutya isidlo sakho sakusasa, yonwabela ukuqhuba usingise kwindawo olala kuyo kwi Pilanesberg engenaso isifo sika malaleveva. Abasebenzi abanobubele bazakwamkela bakuncede nosapho lwakho ukunibonisa igumbi lakho nosapho lwakho.
Phola ulindele ixesha elimnandi ngakulendawo inezilwanyana ongasokuze ulilibale nosapho lwakho ePilanesberg National Park. Uzakubakhona ke oqeqeshiweyo kwimoto ehamba phakathi kwezilwanyana evulekileyo phezulu, uyakuthabatha uhambo lokubuka izilwanyana ubone inqwaba yezilwanyana kuquka ezintlanu ezinkulu zeli.
Emveni kwenjikalanga emnandi yokubuka izilwanyana, yonwabela ukutya okumnandi okokugqibela ubukele iinkwenkwezi nabantwana bakho.

Usuku Lwesihlanu (5): Pilanesberg National Park

Qala usuku lwakho ne brakfesi i(Full English breakfast) wonwabele imibono emihle. Chitha ixesha lase mveni kwemini uzonwabele ngexesha abantwana bakho beyokungena inkqubo yabantwana yokusebenza ngezilwanyana (Junior Ranger’s Programme) okanye besebaleni.
Yonwabela ukuncokola nonwable imidlalo nosapho lwakho kuquka uputt putt, intenetya yetafile, okanye nihamba ehlathini. Dibana nosapho lwakho niqhube nibuke iPilanesberg National Park ukukhangela izilwanyana ezinkulu xa ubuya,xa kuqala ukuba mnyama, ubone nezilwanyana ezimbalwa zase busuku.
Chitha ubusuku bakho bokugqibela nosapho ningqongwe zizibane zakudala nisitya ukutya okomnandi, ngexesha umamele ingxolo yezilwana nendalo esuka kwi hlathi lase Afrika.

Usuku Lwesithandathu (6): Pilanesberg National Park - Johannesburg

Emveni kokutya isidlo esimnandi sakusasa, yonwabela ukuqhuba ubuyela eJohannesburg. Ngexesha niqhuba isithuthi nibuka nobuhle, cingani ngobumnandi enithe nabufumana nabantwana benu.

Okongeziweyo


  • Ukulala ubusuku bentsuku ezintathu (3) kwi Hotele iCabanas elungele iintsapho, kuquka nesidlo sakusasa
  • Ukulala ubusuku bentsuku ezimbini (2) kwindawo yokuhlala ephakathi kwezilwanya engenaso isifo sika malaleveva kuquka isidlo sakusasa nesasemveni kwemini
  • Ukungena mahala kwi Valley of the Waves ese Sun City Resort
  • Ukukhwela isithuthu mahala xa usuka eSun City Resort
  • ukuqhuba kanye (1) ngosuku ubuka izilwanyana ngexesha uhlala kulendawo inezilwanyana

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel