I-Hotele iCabanas, ese Sun City Resort Indawo Yokuhlala

Ihotele iCabanas ese Sun City ilunge kakhulu kwindwendwe ezihamba nabantwana, zikhangela indawo yokuhlala elungele usapho eSun City.

Kwi Cabanas hotel, ese Sun City, indawo yokuhlala ifumaneka kwenye yamagumbi angama 380 ohlulwe angamagumbi osapho angama 201, ezifanayo ezingama 120, ezingama 32 zosapho ezijonge ngase chibini, amagumbi angama 24 aqhelekileyo ajonge ngase chibini, amagumbi amathathu (3) afumanekayo. Amagumbi kwi hotele ese Sun City anemihombiso yale mihla nomoya opholileyo. Isidlo sakusasa apho ubani athi atye onele siyafumaneka ePalm Terrace yonke imihla.

I-Gumbi iStandard Twin

Igumbi iStandard Twin ese Cabanas linebhedi ezifanayo ekwazi ukulala abantu ababini. Iibhedi ezimbini zingadityaniswa zifane nohlobo lwebhedi ephindiweyo ubukhulu xa kufakwe isicelo.igumbi lokuhlambela elisekamereni line shawa yodwa. Okufumanekayo kuquka umoya opholileyo ofakelwayo, umabonakude ombaca onezikhululo ezongeziweyo, idesika, indawo yokwenza ikofu ne ti kunye nesikhenkcezisi esincinci.

I-Gumbi Losapho I’Standard Family Room’

Igumbi iStandard Family Room ilala abantu ababini abadala kunye nabantwana ababini, iibhedi ezifanayo kunye nesofa yokulala. Abantwana abaneminyaka eyi 12 nangaphantsi (uninzi babebabini 2) abahleli nabantu abadala ababini bahlala mahala kwigumbi losapho.
Lamagumbi ahlalisa kamnandi anomoya opholileyo ofakelwayo, umabona kude ombaca onezikhululo ezongeziweyo, idesika kunye nendawo yokwenza iti ne kofu, nesikhenkcezisi esibandayo.
Iikhona igumbi loku hlambela elise kamereni eline shawa yodwa. Iibhedi eziphathwayo zabantwana abase bancinci kunye nebhedi ephindiweyo ubukhulu ziyafumaneka xa uthe wacela (kodwa kuxhomekeka okokuba zikhona na ngeloxesha).

I-Gumbi Losapho I’Lake Family Room’

Yonwabela ukubukela ichibi iWaterworld ngethuba uhleli kwi bhalkhoni kwigumbi eliku mgangatho ophezulu eLake Family Room ese Sun City, kwi hotele iCabanas.
Igumbi lonela ababini ukulala kunye nabantwana ababini, iibhedi ezifanayo kunye nesofa yokulala nabantwana abangaphantsi kweminyaka eyi 12 behleli nabantu abadala abanini (2) bahlala mahala. Eli gumbi lihlalisa kamnandi linomoya omnandi obandayo, umabonakude owongezwe izikhululo, idesika, indawo yokwenza ikofu ne ti, isikhenkcezisi esincinci. Iikhona igumbi loku hlamba kodwa line shawa yodwa.
Ibhedi zokulala abantwana abancinci kakhulu kunye nebhedi ezibubukhulu ubuphindiweyo ziyafumaneka xa ufake isicelo (kuxhomekeka okokuba ikhona na ngelo xesha).

I-Gumbi iTwin Lake Facing

Yonwaba uphole kwimihombiso yale mihla yeli gumbi lijonge ngase chibini iLake Facing Room ese Sun City eCabanas. Eli gumbi libonisa kakuhle ichibi iWaterworld kwaye lilala abantu ababini, kukho iibhedi ezifanayo ezikwaziyo ukudityaniswa zenze ibhedi ephindiweyo ubukhulu xa ucelile. Igumbi lokuhlamba elisekamereni line shawa kuphela. Okuqhelekileyo okufumanekayo kuquka umoya opholileyo, umabonakude ombaca onezikhululo ezongeziweyo, idesika, indawo yokwenza ikofu ne ti, isikhenkcezisi esincinci.

Okongeziweyo ngelixesha undwendwele ngalo

  • Isidlo sakusasa (full English breakfast) onokuthi uyitye wanele ePalm Terrace Resturant
  • Ukukhathalelwa kwe gumbi lakho yonke imihla
  • Ukuya kwi Valley of Waves mahala
  • Imoto ezulayo eSun City Resort onokuthi uyikhwele mahala, nanini na (24hrs)
  • IWiFi yamahala

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel