Onokuthi Ukwenze eCabanas Hotel

Kwindawo iCabanas Hotel ese Sun City, ungadlala ibhola ye ntenetya ne squash, wonwabele ukukhwela amahashe, ukubona indawo zendalo zokonyuka intaba, uluhlu loko unokwenza lude. Abantwana bangonwaba eValley of the Waves nase Kamp Kwena enikeza onokuzenza ezifundisayo kunye nezonwabisayo.

Iindwendwe ezise Cabanas zinendawo ezinoku zisebenzisa eSun City Resort iphela, apho ke zingakhetha khona ezo zokuzonwabisa zenziwa ngaphandle. Ikhona ke indawo engumangaliso eyi Valley of the Waves, enye yendawo zokudlala ezinamanzi ezingu mangaliso kwilizwe jikelele, Waterworld, ekufuphi ne Cabanas’ lawns apho kukhwelwa khona ijet skiing, windsurfing, waterskiing kunye nezinye iintlobo ezininzi zezemidlalo ezenziwa emanzini.

I-Golufa

Abo bathanda umdlalo we golufa bangathabatha uhambo olonwabisayo kwenye yamabala amabini awohlukileyo okudlala igolufa kuquka iGary Player Country Club- ikhaya le Nedbank Million Dollar Golf Challenge ebanjwa rhoqo ngonyaka- eLost City Gold Course.

Indawo Zokutya

Iindwendwe zingatya ukutya okumnandi kwindawo ezithengisa ukutya ezininzi ezise Sun City Resort, ze zisele iziselo ezimnandi kwi bhari.

Ukubukela Izilwanyana no Bomi base-Ndle

ndawo iPilanesberg National Park ikufuphi kwindawo onokuthi uhlale kuzo eSun City kwaye ikunikeza ithuba lokujonga iintlobo zezilwanyana kuquka ezintlanu ezidumileyo kweli ezaziwa nge ‘Big Five’.

Ezokonwabisa Usapho

Yenza okonwabisayo nosapho ongasokuze ukulibale kwindawo ohlala kuyo eSun City ukonwabisa usapho. Indawo iSun City ilikhaya kwindawo zokuzonwabisa, inendawo zokudlala abantwana ukubagcina bonwabile. Ndwendwela ilizwe lezilwanyana ukuze uzibonele kufuphi iintaka kunye nezinye izilwanyana ezincinci. Kunge njalo, ndwendwela iKwena Gardens ukuze ubenencoko eyonwabisayo nabantwana bengwenya.

Okunye Onokuthi Ukwenze Ukuzonwabisa

    Kuzivoca-voca (spa treatments)
  • Ukuthenga
  • Iindlela eziya eLost City
  • Ezonwabisayo eWaterworld
  • Ezityibilikisayo (Zip sliding)
  • Izikhephe ezincinci emanzini (bumper boating)
  • Intenetya

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel