I-Hotele iCascades
Indawo Yokuzonwabisa iSun City Resort, kwiphondo lase North West, eMzantsi Afrika

I-Hotele iCascades yindawo ekudidi oluphezulu efumaneka eSun City Resort eyenye yeehotele ezithandwayo kweli lo Mzantsi Afrika, ibonakalisa ubunewu-newu kwaye inolwandle elingasetyenziswa bucala kunye nendawo efana nesiqithi ejika ibengu mbala omdaka kwi puli yokuqubha.
  • Kukho iigadi ezinemifanekiso iindwendwe ezinokwehla zinyuka zizibuka
  • Zingaqubha kwi puli epholisa kamnandi
  • Zingasela isiselo somdiliya omfaxangiweyo, zitye ukutya okumnandi kwindawo zokutyela zodidi oluphezulu ezinendawo zokusela
  • Zininzi ke izinto ubani anokuthi azenze eSun City kwabancinci kunye nabo basebancinci ngokwentliziyo

Ingxangxasi yamanzi kunye nehlathi elifukufuku zenza iCascades Hotel ese Sun City ibeyenye yehotele ezithandwayo eSun City, indawo eyaziwa njengo bukumkani base Afrika bokuzonwabisa. Ukwehla unyuka kwi gadi enemifanekiso okanye indawo yokugcina iintaka, egcwele ziingoma zeentaka, zizakubonisa izithandani uthando olungapheliyo lale hotele izukileyo yase Sun City.

Linganisa ingxangxasi yamanzi ehlayo, xa uzingenela kwizityalo eziluhlaza yaka ngombala, ze ubuliswe sisiselo esixuywe kamnandi kwindawo yokusela eyaziwa ngokua yi Sand Bar okanye ke uzithi nxu kwi puli efumaneka eCascades. Le puli ifumaneka eCascades kunye nendawo yokutyela iGrotto restaurant zifaniswa nokuzola okufana nesibhakabhaka indawo ezipholisa ingqondo ezifumaneka ngaku lwandle i(Mediterranean).

Hlala utye eSantorini okanye ePeninsula Resturants okanye wonwabele isidlo esiluncuthu mazangwa kwindawo eyaziwa ngokuba yi Cascades deck enikeza uthando phakathi kwamahlathi afukufuku kamnandi.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel