Indawo Yokuhlala eSun City Resort, iCascades Hotel

Iindwendwe zingaphola kamnandi kwi hotele iCascades enomahluko, kwindawo yokuhlala eyihotele ese Sun City Resort.

Zonwabise kubu newu-newu bodidi oluphezulu bendawo yokuhlala iCascades Hotel. Indawo yokuhlala kule hotele ise Sun City ifumaneka kwenye yamagumbi endwendwe angama 241, ze ohlulwa ngamagumbi angama 97 akumgangatho oqhelekileyo, amagumbi angama 39 akumgangatho ophezulu kakhulu, amagumbi alishumi nantlanu (15) akudidi oluphezulu anayo ke nendawo yokuma ngaphandle phezulu ze ubone ezantsi nakwi ndawo yonke, amagumbi onela intsapho angama 78, ze zibentandathu (6) ezikudidi oluphezulu, inye (1) ekudidi lokuhlala umongameli, zimbini (2) ezikudidi oluphezulu, ze ibenye (1) enegadi, kunye namabini (2) alungele abo bathe bakhubazeka amalungu omzimba.

Indlela ekhethekileyo ezenziwe ngayo kunye nodidi oluphezulu nokuthuleka okupholisa ingqondo, kudibaniswe nomboniso omhle weegadi, Isanti emhlophe yepuli kwindawo enolwandle lokuqubha leyo ke zonke iikamere zinayo kule hotele yase Sun City. Konke oku kwenza ibenomoya omnandi ophumza umzimba nengqondo, akekho onokungazonwabeli.

I-Luxury Twin Room

Amagumbi awaziwa njenge Luxury Twin Room eCascades Hotel ese Sun City Resort alala abantu ababini kwibhedi ezidityaniswayo ezine ndawo yokuhlambela, apho uvula nje ucango ungene kuyo, yaziwa njenge ‘en suite’ ngolwimi lesingesi, ikwanayo ke nendawo yohlambela ishawa ebucala kuny neekhabhadi ezidityanisiweyo zankulu.
Amagumbi ke afumaneka kwezi Luxury Twin Rooms anawo umoya opholileyo ofakelwayo i-‘airconditioner’, umabonakude othe placa onesikhululo ezongeziweyo ezifakelwayo, icompuyutha ephathwayo inendao yayo ekhuselekileyo, isixhobo sokomisa iinwele, isikhenkcezisi esincinci, idesika, imfono-mfono, indawo yokwenza iti ne kofu, kunye noncedo olufumana usekamereni iiyure eingama 24. Amagumbi nebhedi ezinkulu kakhulu ayafumaneka xa uthe wacela.uthi ke wonwabele imbonakalo ye gadi logama uhleli kwenye yalama gumbi, iLuxury Twin Room.

I-Luxury Family Room

Amagumbi iiLuxury Family Rooms eCascades Hotel efumaneka eSun City Resort inembonakalo entle yendawo engqongilyo kunye nendawo enkulu kamnandi ukuze usapho luzonwabise. Lamagumbi alala abantu abane (4), nebhedi enkulu kuzo zonke eyi ‘king size’ kunye nesofa yokulala. Indawo yokuhlambela ine shawa ebucala, kwaye igcwele izixhobo zodidi oluphezulu.
Okufumanekayo ke kuquka uoya ofakelwayo opholileyo, umabonakude ombaca oneskhululo ezongezwayo, indawo yokwenza iti kunye nekofu, amagumbi akhuselekileyo kwingxolo, indawo ekhuselekileyo yokugcina ikhompuyutha ephathwayo, isixhobo sokomisa iinwele, isikhenkcezisi esincinci, idesika kunye noncedo usekamereni iiyure ezingama 24. Iikamere ze Luxury Family rooms zine puli zokuqubha kunye nemibono emihle yegadi.

I-Superior Luxury Room

Amagumbi afumaneka kwi Superior Luxury Room ezise Cascades Hotel efumaneka eSun City Resort zinkulu, zilala abantu ababini kwibhedi enkulu I’king size’ enendawo yokuhlambela ekwalapha kwigumbi, kodwa inomnyango wayo, ishawa yona ime bucala, zidityanisiwe iikhabathi ezinkulu kunye nezinto onokuthi uzisebenzise ezikudidi oluphezulu. Lama gumbi azi Superior Luxury Rooms anendawo yabucala yokutyela, apho uthi xa uhleli ubone ibala lokudlalela igolufa kunye nentaba.
Yonwabela iti ne kofu othi uzifumane mahala ukwi gumbi lakho, okanye ke uzithengele okutyiwayo ngokuthi utsale umxeba, kuncedo olufumaneka ubusuku nemini, iiyure ezingama 24. Okufumanekayo kuquka umoya opholileyo ofakelwayo, umabonakude ombaca owongezelwe ngezinye izikhululo ezifakelwayo, indawo ekhuselekilyo yokufaka ikhompuyutha ephathwayo kunye nedesika yokubhalela.

I-Superior Luxury Room ene Balcony

Amagumbi ii Superior Luxury Rooms ezine balcony yabucala zenza ukwazi ukubona indawo eyaziwa ngokuba yi Pilanesberg National Park ekufuphi, ipuli yokuqubha uyibonele ezantsi kunye nebala le golufa. iSuperior Luxury Room zilala abantu ababoni kwibhedi enkulu kakhulu ‘king size’ enegumbi lokuhlambela elithe nca, ze ishawa ibebucala, iikhabhathi ezidibeneyo ezinkulu kunye nokunye onokuthi ukusebenzise obuku didi oluphezulu.
Yonwabela ubuntofo-ntofo bomoya opholileyo ofakelweyo, ze ke utsale umxeba ukuze ukutya kwakho kuziswe kwigumbi lakho, ze ukonwabele kwindawo yokutyela ebucala. Igumbi linomabonakude ombaca, indawo yokwenza iti nekofu, indawo ekhuselekileyo yokufaka ikhompuyutha ephathwayo, isixhobo sokomisa iinwele, isikhenkcezisi esincinci, kunye nedesika.

I-Superior Luxury Family Room

Amagumbi afumaneka kwi superior Luxury Family Room eCascades Hotel efumaneka eSun City yindawo eyolisa umphefumlo enembonakaliso ezingumangaliso kunye nendawo zokusetyenziswa zindwendwe ezikudidi oluphezulu. Igumbi lilala abantu abane (4), line bhedi enkulu kakhulu, kunye nesofa eyenzelwe ukulala, inanyo ke nendawo yokuhlambela engaphakathi eneshawa bucala kunye neekhabhathi ezidityanisiweyo ezinkulu.
Igumbi linendawo yokutyela ebucala, isikhenkcezisi esincinci, isixhobo sokomisa iinwele, indawo ekhuselekileyo yokugcina ikhompuyutha ephathwayo, inomoya opholileyo ofakelwayo, umabonakude ombaca onezikhululo ezongeziwyo ezifakelwayo, idesika yokubhalela, indawo yokwenza iti kunye nekofu kunye noncedo olufumaneka imini nobusuku, iiyure ezingama 24 usekamereni njengokuthi utsale umxeba.

Okongeziweyo ngexesha ondwendwele ngalo

  • I-WiFi yamahala
  • Ukuya nakangaphi mahala kwindawo eyaziwa ngoku ba yi ‘Valley of Waves’
  • Isidlo sakusasa I‘english breakfast’, apho utya kangangoko ufuna
  • Ukucocwa kwegumbi lakho yonke imihla
  • Uncedo kwigumbi lakho ngokutsala umxeba nanini na, iiyure ezingama (24)
  • Ukutshintshelwa amashithi, okanye ukongeza ibhedi

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel