SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failedI-Hotele iCascades - Onokuthi ukwenze - I-Golufa, Imidlalo

Onokuthi Ukwenze eCascades Hotel, ese Sun City Resort

Ilanga lanele kunye nemidlalo yokuzonwabisa eSun City Resort ese Mzantsi Afrika, ukwanela iiholide ezingamawaka ngamawaka. Indawo iValley of the Waves izakonwabisa usapho lonke.

Qala usuku elwandle kwindawo engumangaliso iValley of the Waves ese Sun City, ze uchithe imveni kwemini ecaleni kwezilwanyana ezintlanu ezinkulu zase Afrika, ugqibezele ngokuhamba ngesikhephe emanzini samatshona kwelanga. Le hotele yase Sun City inepuli yokuqubha enamanzi ashushu kunye nabandawo enonogada bokujonga ukuze uluntu lungatshoni, yonke imihla.

Ukuzivoca -voca ne Mpilo (Spa & Wellness)

Vumela ke kokuba upotozwe kwindawo ekudidi lwesihlanu (5*) ngokwee nkonzo kwindawo iGary Player Health Spa enendidi zemveliso zempilo, sezikhumba kunye nokuvoca-vocwa umzimba kunye nokwenziwa mhle.

Uhambo Olwenza Imincili

Nokuba uthabatha uhambo kulendawo iyi kumkani yolonwabo ukususela kwi bhaluni ezino moya oshushu, itafile yoku voca-vocwa okanye imoto evulekileyo endle, umangaliso walendawo ikhethekileyo uyakuhlala usengqondweni yakho unaphakade.

I-Golufa

Omabini amabala anemingxuma elishumi nesibhozo (18) aye anikeze umceli mngeni kwabo bazingcaphephe ekudlaleni kunye nabo basafundayo ngokunjalo. Ikhaya lendebe yakudala ye Nedbank Golf Challenge, kudume okokuba yeyona nto ayicwabayo uGary Player. Ibala elikufuphi iLost City nalo lihle ngokufanayo, liyonwabisa ngokufanayo, lingqungwe yimibono emihle yeli pomakazi.

Imidlalo

Inkundla yokudlala intenetya, inkudla yokudlala isquash, kunye nendawo yokujikeleza emelene ne Gary Player Country Club zigcina iindwendwe zikwisimo somzimba esilungileyo ngexesha zindwendwele kwi holide eSun City.

Indawo yokubamba Inkomfa

Kukho iindawo ezifikelelekayo zokubamba inkomfa nemisitho, abasebenzi abaqeqeshekileyo bokunceda kwinkomfa kukho nendawo yokubonakalisa imifanekiso yodidi oluphezulu, ukwenza ushishino kwi hotele zase Sun City kuhlala kuyimincili. Yonwabela imibono nendawo, ze wamkele nomceli mngeni.

Imibhiyozo Yothando

Ukuhlala eSun City yeyona ndawo ilungele ukubhiyozela amathuba akhethekileyo kuquka imitshato, ukuzonwabisa emveni kokutshata, iintsuku zoku zalwa, kunye nohambo lwezithandani. Ukuze ubenomtshato ongasokuze uwulibale eSun City, khetha phakathi kwendawo ekhethekileyo yokuhlala nabahlobo nosapho okanye ukhethe ukutshatela kwindawo enabantu abaninzi.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel