I-Manyane Resort
ese Pilanesberg National Park- Sun City, eMzantsi Afrika

Indwendwe ezityelele iManyane Resort zingonwabela indawo yezilwanyana ekufuphi eSun City ephakathi ePilanesberg National Park, ikhaya kuma waka wezilwanyana eziquka Ingonyama, Ingwe, Umkhombe, Imbabala kunye ne Ndlovu.
  • Ukubuka ezona zilwanyana zinkulu zeli kunye nendawo zokubamba inkomfa
  • Iintlobo ezahlukileyo zendawo yokuhlala, indawo yokutyela nepuli
  • Kuninzi onokubona ukwenze kwindawo yezilwanyana ekufuphi eSun City
  • Uqhuba iyure ezimbini ufike eManyane Resort xa usuka eJohannesberg

Ikwi kona ye Pilanesberg National Park entle, engenaso isifo sika malaleveva, iManyane Resort inikeza iindwendwe ithuba lokungena kwipaki eyesine ngobukhulu eMzantsi Afrika, kwindawo yesilwanyana ekufuphi eSun City. Lendawo intle inembali yonyikimo mhlaba olwenzekayo kwaye inazo phantse zonke iintlobo zezilwanyana ezizitho zine phezulu kobomi basendle neentlobo zentaka ezingapha kwama 300.

I-Pilanesberg National Park yakhiwe ngexesha lonyikimo mhlaba lakudala, olonyikimo mhlaba lwatshabalalisa yonke into lo ke ngowona mzekelo we sangqa esenziwa yi alkaline kwaye ipaki yindawo emangalisayo ebonakalisa umangaliso wamatye. Lendawo inezangqa ezintathu eziphezulu kwentili eyonyukayo- ukwenzeka kwayo kusuka kwindawo engqongileyo efana nogwebu.

Ithabatha indawo engama 55 000 we hektare, iPilanesberg National Park yeyona ndawo ithandwayo ebonisa izilwanyana ezinkulu ezintlanu zeli, ikufuphi

ne Sun City, yimizuzu engama 20 xa uqhuba isithuthi. Iphakathi kom-mandla onemiboniso iBonjalo ekwiphondo lase North West, le paki yabhengezwa ngonyaka ka 1979 kwaye ukususela ngoko ibenotshintsho ngamanqanaba elizwe jikelele ukuba kuphinde kuthengwe iintlobo ezithile ezathi zatshabalaliswa.

Iindwendwe zase Manyane Resort zingonabela ukuqhutywa zibukele izilwanyana kabini ngemini, ukuqhuba ebusuku, uhambo ehlathini, nokukhwela ibhaluni ehamba phezulu kwezilwanyana, xa sibala ezimbalwa abatyeleli abanokuzonwabela. Zininzi ke iintlobo zezilwanyana zasendle ezohlukileyo. Ngaphandle kwezintlanu ezinkulu, iindwendwe zingabona iintlobo ezahlukileyo ezininzi ezingaqhelekanga kunye neziqhelekileyo, kunye nezinqabileyo Ingqawane, Ihlosi elinenyawo ezininzi, (Sable) enobungangamsha, uhlobo lwesilwanyana elifana bebhokhwe enkulu, kunye nendlulamthi, Iqhwarha, Imvubu kunye ne Nngwenya.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel