9 DayI-Sun City, Madikwe Safari kunye ne Phakheji ye Holide eKapa

Le ndawo yeholide ikudidi oluphezulu, kwi phakheji yeholide iquka onokuthi ukwenze eSun City, ukubona izilwanyana ezinkulu ezintlanu zeli, kunye nemimangaliso yesixeko sase Kapa esinoluntu olusuka kwindawo ngendawo.

Lendawo yeholide ongathi uziqhubele ukuya kuyo, le phakheji inikeza ukuhlala eSun City Resort kwiphondo lase North West eMzantsi Afrika, kulandele iintsuku ezimbalwa eMadikwe Game Reserve, ukuze ukwazi ukufumana ukubuka izilwanyana apho nizakube niqhutyelwa khona isithuthi nibuka izilwanyana. Thabatha inqwelo moya ezakuthabatha iiyure ezimbini usingise eKapa, apho ungaqhubeka khona uziqhubela kwiholide yakho ubuka ubuhle be Kapa.

Usuku Lokuqala no Lwesibini (1-2): eSun City, kwelase North West, eMzantsi Afrika

Landa imoto yakho oyiqashileyo kwisikhululo senqwelo moya i-OR Tambo International Airport xa ufika ukuze ukwazi ukuziqhubela usingise eSun City. Ixesha lakho eSun City lelokuzonwabisa, nokonwabela iindawo ezininzi ezinomtsalane kunye nendawo onokuzisebenzisa kulendawo yokutyelela.
Mhlawumbi ungazama intlahla yakho ungcakaze ecasino, uqubhe eValley of the Waves okanye uzipholele nje kulendawo intle.

Usuku Lwesithathu (3): I-Safari Lodge eMadikwe Game Reserve

Xa usuka eSun City, qhuba usingisa kwindawo yezilwanyana ezintlanu ezinkulu zeli eMadikwe Game Reserve, ziyure ezintathu (3) ukuya kwezine (4) xa usuku kwindawo yokutyelela.
Ngenjikalanga emveni kokuba ufikile kwi safari lodge yakho, uzakuqhutyelwa uyokubona izilwanyana, kwaye uzakuyonwabela kuba isebusuku, ufumane nethuba lokubona izilwanyane zase busuku. Uzakubuyela enkampini ufumane isidlo sasemveni kwemini esimnandi.

Usuku Lwesine (4): I-Madikwe Game Reserve

Olusuku luzakuzala lulonwabo lohambo lokubona izilwanyana kwindawo ezihlala kuyo kwakusasa ngentseni nasemveni kwemini, nexesha lokuzonwabisa upotozwe ngabasebenzi be lodge. Zisa ikhamera yakho ukuze ufote ezindindi zezilwanyana zase Afrika.
Xa undwendwele endle ungaba nethamsanqa xa use Madikwe Game Reserve, ekufuphi eSun City kuqukuka umkhombe omhlophe nomnyama, imbabala, ingonyama, ingwe, indlovu, ihlosi kunye nengada.

Usuku Lwesihlanu (5): Madikwe - Johannesburg-eKapa

Emveni kwesidlo sakusasa kunye nokuqhuba okokugqibela ubuka izilwanyana, qhuba ubuyele eJohannesburg ukuze udibane nenqwelo moya esingisa eKapa, ephuma emveni kwemini, xa kutshona ilanga.
Landa kengoku isithuthi sakho osiqashileyo kwisikhululo senqwelo moya sase Kapa, uqhube ungene esixekweni apho uzakube uhlala kwihotele entle kakhulu ekudidi oluphezulu, enemibono emihle yentaba yetafile.

Usuku Lwesithandathu ukuya Kwelesibhozo (6-8): eKapa

Yonwabela isidlo sakusasa esenzelwe okokuba sithengwe sakusasa kwihotele ohlala kuyo yonke imihla phambi kokuba uphume uyokubona iKapa enoluntu olusuka kwindawo ngendawo kunye nemibono emihle yesixeko sase Kapa. Khawuhlole unxweme lolwandle I-Cape Peninsula enamalwandle amakhulu abukekayo, iKirstenbosch Botanical Gardens, kunye ne Cape Winelands enemvelaphi.


Xa ufuna ukuphilisa umphefumlo ngokuthenga, indawo i-V&A ikumgama wemizuzu elishumi (5 mins) kuphela xa uqhuba isithuthi usuka ehotele. Isitalato esimbeje-mbeje iKloof uyakwazi nje ukuzihambela usibona kwaye inendawo ezithengisa ukutya ezininzi nenvenkile zempahla zabucala onokuthi ubuke, uthenge kuzo.

Usuku Lwethoba (9): eKapa

Xa ugqiba kutya isidlo sakusasa esimnandi, phuma kwihotele ubuhlala kuyo uqhube usingise ekwisikhululo senqwelo moya sase Kapa ukuze ufumane inqwelo moya ezaku kugodusa.

Okongeziweyo

  • Ukuqasha imoto iintsuku ezilithoba (9) kuquka iGPS, ungayiqhuba kanga ngoko ufuna kuquka ne insurensi (premium insurance cover)
  • Ukulala kabini ubusuku kwigumbi elikhulu, elikumgagatho ophezulu eSun City Cascades hotel, kuquka nesidlo sakusasa
  • Isithuthi sokujikelezisa mahala eSun City
  • Ukungena mahala kwi Valley of the Waves eSun City
  • Ukulala kabini ubusuku eMadikwe safari lodge engenaso isifo sika malaleveva, kuquka isidlo sakusasa, sasemini, nesa matshona kwelanga
  • Ukuqhuba kusasa nase mveni kwemini ubuka izilwanyana kwisithuthi esivulekileyo phezulu esenzelwe oku, ukhatshwa ngabo basebenza ngezilwanyana abaqeqeshiweyo
  • Ukulala kane (4) ubusuku kwigumbi elikhulu elikudidi oluphezulu eKapa (Cape Town Luxury Boutique Hotel), kuquka isidlo sakusasa

Oku ngongezawa

  • Imidlalo eSun City (Ngaphandle kwe Valley of the Waves)
  • Ukutya neziselo ezinga khankanywanga
  • Amafutha wemoto nokunye kufuneka ukubhatelele ngokwakho

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel