I-Sun City Hotel
Ese Sun City Resort, Pilanesberg, North West, eMzantsi Afrika

Le Hotele intle ise Sun City isentliziyweni ye Sun City Resort eqharhazileyo, eMzantsi Afrika.
  • I-Sun City Hotel, ese Mzantsi Afrika inamagumbi angama 340 ewonke
  • Yonwabela iintlobo zokuzonwabisa kunye noko unokuthi ukwenze
  • Yonwabela iindawo zemisitho nenkomfa
  • Dlala igolufa okanye uyokuphola kwindawo yokuvoca-vocwa

Ingca eluhlaza, amanzi ehlayo kunye nesandi esithi cha-ching somatshini wokungcakaza ziyakubulisa xa ufika kwihotele ekumgangatho ophezulu ese Sun City. Iwongwe ziintaba kunye nemibono yebala legolufa, iGary Player Golf Course, igubi eSun City hotel hayi kuphela ubuthongo obugcwele ngama phupho amnandi, kodwa iindwendwe ziyakwazi ukuya ngqo kwimijuxuzo yase busuku yolonwabo ecasino, kwindawo zokutyela kunye nezokusela eSun City.

Akupheleli apho eSun City Hotel enabadanisi bokonwabisa abambeje-mbeje, abadanisa ngendlela ezimangalisayo de kubengathi yimilingo eSun City Theatre, kunye nenqwaba yeevenkile ezithengisa imisebenzi yesandla yemihombiso yesintu eyenziwe ngemithi, iimpahla, ubucwebe, nezinto onokuthi uzigcine njengesikhumbuzo okanye uhombise ngazo.

Ulwimi lwakho luzakonwabela ukutya okumnandi kwase Plume, Crystal Court,okanye e-The Peninsula. Phola kamnandi ngakwi puli Hotel Bar ngesiselo okanye ukhethe ukuthabatha uhambo ecasino uphole eHarlequin’s Cocktail Bar.

Ulonwabo olunga pheliyo nemidlalo yokuzonwabisa iyafumaneka kwintsapho zamkelekile ukuhlala kumagumbi ahlalisa kamnandi, amahle. Abantwana bangachitha injikalanga bendwendwele indawo yemidlalo ye gemu, badlale nabantwana be ngwenya eKwena Gardens, bukela izilwanyana ezincinci zisehla zinyuka kunye neentaka ezityiwayo e-Animal World, nokunye okuninzi.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel