I-Sun City ya-Bantwana
I-Sun City Resort, ese Mzantsi Afrika

Indawo iSun City Resort ilungela iintsapho ezinabantwana. Inamaqela awaziwa ngokuba zi klabhu, amabala okudlala, ezemidlalo, imidlalo yokuzonwabisa, ibhayiskopo, bayakwazi ukubona izilwanyana ezohlukileyo, kunye nolowabo olunga pheliyo kwindawo enemidlalo yamanzi iValley of the Waves kunye ne Waterworld.Indawo yokuzonwabisa isesiphakathini eSun City, kwaye kulapho iindwendwe zingathi zicele /zithenge khona ezinothi zenze okonwabisayo kwidesika yokwamkela iidwendwe efumaneka ngaphakathi eSun City. Ulonwabo langaphandle kunye nemidlalo zingathi zicelwe zibhatalwe kwi desika ebhalwe ‘Gametrackers’. Indawo yokuzonwabisa inendlela ezininzi zokuzonwabisa ngohlobo lwemidlalo ye gemu.
Abazali bangaphola besazi okokuba abantwana babo baza kugcinwa bonwabile eSun City Resort. Zimbini iiklabhu ezifumanekayo- enye yeyabo bangaphantsi kwe 12 yeminyaka ze enye ibeyeyabo sele bebadalana. Inkonzo zokugcina abantwana kunye nabasebenzi abaqeqeshiweyo kunye nabo bahlala bebajongile bebakhapha xa kukho isidingo, ziyafumaneka nge nkampani iThula baba, ukuze umama notata bonwabele isidlo sezithandani kamnandi, umdlalo weqonga, kunye nokuninzi, ninzi.
Mininzi imidlalo eyenziwa emanzini yabantwana eSun City Resort. Indawo iValley of the Waves eyeyona ndawo inemidlalo emininzi yase manzini kwilizwe jikelele ifumaneka eLost City. Zininzi ke iipuli ezijikeleze indawo iSun City yonke Resort, zonke zinonogada abaqeqeshiweyo abajonga abantu bangatshoni emanzini abahlala bekhona. Ngase nyeleni yechibi abantwana bayakuthi bafumane indawo entle yokudlala, inebala lokudlala igolufa yabantwana, imoto zokudlala abantwana, indawo yokuxhuma-xhuma, kunye nokuninzi. Abantwana abadala kunye nabantu abadala bangonwabela indawo yokuzityibilikisa ebubude obungama 2km (1.2 mile) okanye bakhwele amahashe.
Abantwana bazakonwabela ukuphulula izilwanyana zase fama kwindawo i-Animal World bonwabele nokubona iintlobo ezahlukileyo kwindawo yeentaka kwindawo I’Birds of Prey’ (ixesha lokutyisa iintaka yonke imihla likusasa xa sele kuzakuqala imini). Abantwana eSun City Resort bangonwabela nokukhwela imidlalo ekhwelwayo kuloliwe wamalahle ojikeleza kulendawo.

Amaqela kunye ne Ndawo zokugcina Abantwana eSun City Resort

Indawo iThula Baba – indawo yokugcina nokukhathalela abantwana enabasebenzi abaqeqeshiweyo. Lenkonzo yoncedo iyafumaneka emini nase busuku.
Indawo iKamp Kwena Crech – lendawo ivulelwe abantwana abaphakathi kweminyaka 0- 12 kwaye inemidlalo eyohlukileyo yonke imihla. Lo mzi wabantwana uvulwa yonke imihla.
Indawo iKamp Kwena Fort – indawo elungele abantwana abangapha kweminyaka eyi 12 ukuze benze abahlobo abatsha! Indawo ivulelwe abaneminyaka eyi 4-12, kwaye umthetho ungqongqo okokuba abaneminyaka eli 18 nangaphezulu abavumelekanga, kwaye notywala abuvumelekanga. Indawo I’Club Chirp’ iyavulwa yonke imihla ngeholide zesikolo kunye nasebusuku ngolwesihlanu nangemigqibelo.

Okubalaseleyo Ebantwaneni xa Bendwendwele eSun City Resort

Indawo eyaziwa njenge Valley of Waves ese Lost City yeyona ndawo ibalaseleyo. Uhambo oluya kulendawo ingumangaliso luqala ngokuthi uthabathe uhambo phezulu kwe bhulorho eyi Bridge of Time ethi ivuthulule ukunyikima okufana nenkanyamba rhoqo nge yure. Iindlela eziya kwindawo zokuziyolisa, iigadi ezintle ezinemiqolomba efihlakeleyo, amahlathi kunye nebhulorho enodumo. Zingqunge ingingqi.
Indawo yokuqubha egragramayo yi puli enkulu yamanzi engama 6 500 square metres (7560 square yards) enolwandle elihle elingqongwe ngamahlamvu. Amaza amakhulu ayavela rhoqo emveni kwemizuzu (90 seconds). Lendawo yamanzi inendawo ezintlanu ezonwabisayo ezikhwelayo emanzini, eziquka indawo eyaziwa ngokuba yi Temple of Courage apho iindwendwe zehlela ezantsi nge 17 metres (iinyawo ezingama 57) ukuya ezantsi phambi kokuba zithiwe swi phantsi kwe bhulorho ukuya epulini ekupheleni kwendawo yokwehla ukunyuka emanzini. Zikhona ke nezikhwelwayo ezingumbhobho kunye nezokutyibilikisa umzimba.
Indawo iValley of Waves inenkonzo ezibalaseleyo kunye nendawo zenkonzo. Kukhona ke onogada kwabo baqubhayo ukuze bangatshoni, amagumbi okutshintsha, indawo ezitixwayo zokuvalela okubalulekileyo, kunye nendawo yoncedo lokuqala. Lengingqi inendawo ethengisa ukutya, ivenkile ethengisa iilekese, ivenkile yempahla, idawo yokudlala abantwana kunye ne puli. Ikhona ke enye indawo yokuqubha enkulu eyaziwa njenge Royal Bath ejongene ne amphitheatre.

Indawo Ezintle Zamanzi

  • I-Valley of Waves- ese Lost City
  • I-Waterworld -ukubhabha phezulu kwamanzi nge phekepheke (parasailing), ukuhamba phezulu kwamanzi, njalo-njalo echibini phami kwe Canabas
  • Ipuli yokuqubha (enonogada ukuze abantu bangatshoni emanzini) yenzelwe abadala nabancinci- kuzo zonke iihotele
  • Imikhombe emincinci yeplastiki- ekufuphi ne chibi phambi kwe Cabanas

Izilwanyana Ezenza Umtsalane

  • Indawo iButterfly World – ekwi ngingqi yesintu, ekungeneni eSun City
  • Indawo I-Animal World – ifama yezilwanyana/ iintaka ezityiwa zezinye kwindawo iCabanas
  • Indawo yoku khwela amahashe- indawo yabucala yezilwanyana ekufuphi
  • Indawo yokugcina iintaka- ikufuphi kwinkundla ye bhola yetenesi ekufuphi kwi Cascades.

Ezingaphandle Ezenza Umtsalane

  • Indawo iValley of the Waves, Waterworld kunye nepuli zokuqubha kwihotele
  • Umatshini I’Segway riding machine’ – ikufuphi nenkundla yebala le tenisi eCascades
  • I-Zipslide- yona ke uyibhalisela kwidesika yokwamkela iindwendwe
  • Uhambo ngololiwe okhupha umsi- olunikeza umbono omhle wendawo- eCabanas
  • Indawo yokufumana (ukukhangela ubutyebi obombelweyo) – enyeleni yentili ese Cabanas
  • Itrampolines kunye nendawo yokudlala enezixhobo zokudlala ezohlukileyo – enyeleni yechibi eCabanas
  • Indawo yokudlala igolufa yabancinci- iimoto zokudlala- inyele yechibi eCabanas

Ezingaphakathi Ezenza Umtsalane

  • Indawo iKamp Kwena Creche, ukususela 0-12 yeminyaka – indawo yokuzonwabisa, umgangatho ophezulu
  • Indawo iKamp Fort, ukususela ku 4 – 12 yeminyaka – ngexesha elixakekileyo kubakho imibhiyozo yabantwana abasakhulayo emveni kwemini
  • Indawo iMoviezone – imiboniso bhanya bhanya yosapho ebhayiskophu- indawo yokuzonwabisa
  • Indawo iMagic Company Games Arcade, zeza bantwana akukhathaliseki bangakanani- Indawo yokuzonwabisa.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel