3 DayIKhefu Lokudlala iGolufa eSun City

Le phakheji yentsuku ezintathu (3) eSun City iyakukubeka kwindawo yokuhlala ekudidi oluphezulu eSun City Resort, kwaye ikunikeze ithuba lawona mabala abalaseleyo kweli lo Mzantsi Afrika.

Lekhefu yokutyelela eSun City iintsuku ezintathu (3) udlala umdlalo we golufa ilungele abadlali abaqinileyo kunye nabo basafundayo ukudlala igolufa. Indawo yokutyelela iSun City ilikhaya kumabala amabini okubambela indebe, kwaye omabini enziwa liqhawe le golufa, uGary Player. Apha ke uyakuthabatha uhambo lwe golufa olumnandi olunga libalekileyo kwi Gary Player Country Club kunye ne Lost City Country Club. Pakisha ezona mpahla zakho zingcono zegolufa ukuze ufumane injikalanga emyoli, ngexesha undwendwele eSun City nangenjongo yokudlala igolufa.

Yonwabela iindawo zodidi oluphezulu kwindawo yakho yegolufa ohleli kuyo. Chitha injikalanga ubuka iSun City Resort. Khetha kuthotho lwe ndawo zokutya, uhlale ukutye wakugqiba uzame intlahla yakho komatshini bokungcakaza netafile zemidlalo (games).

Usuku Lokuqala (1) : Ibala i-Lost City Country Club enemingxuma eyi 18

Emveni kokungena kwindawo ozakuhlala kuyo eSun City Resort, zilungise uyokuchitha injikalanga eLost City Country Club. Uzame intlahla yakho kwelibala line 72 par.
Emveni kosuku olune mpumelelo lwe golufa, yonwabela isiselo esimnandi kwindawo yentselo ikufuphi ebaleni. Ungachitha injikalanga uzonwabele. Yonwabela isidlo esimnandi kwenye yendawo zokutya ezikulendawo yokutyelela.
Zama intlahla yakho ungcakaze komatshini neetafile ngexesha unobusuku ongasokuze ubulibale kwi Sun City Casino yodumo.
I-Lost City Country Club
Ukuqasha imoto: Uyakwazi
Ukuqasha indawo yentselo : Uyakwazi
Indawo yokuqhuba: ufunde ukutshenta nokufaka ingca eluhlaza
Indlela yokunxiba: Unxibe nje kakuhle nezihlangu ezithambileyo kuphela.

Usuku Lwesibini (2): Ibala i-Gary Player Country Club Enemingxuma eyi 18

Uhambo lwakho lwase Sun City neholide yokudlala igolufa luyaqhubeka emveni kokufumana ibrakfesi. Nxiba impahla zakho zokudlala igolufa ukuze wonwabele injikalanga yakho eGary Player Country Club uzame isandla sakho ngokuthi wenze ngcono ukujula ibhola yegolufa kwelibala lentshinga yegolufa.
Umlingane wakho angahamba ayokupotozwa kwi spa eGary Player Country Health Club, ngexesha wena usazamana nelibala linemingxuma ilishumi elinesibhozo (18). Yitya isidlo sasemini esimnandi kule Country Club uqhubeke ngenjikalanga yakho ngokudlala igolufa.
I-Gary Player Country Club
Ukuqasha imoto: I-Gary Player Country Club libala lokuhamba kuphela
Ukuqasha indawo yokusela :Uyakwazi
Indawo yokuqhuba: Iiyafumaneka Lost City Golf Course
Indlela yokunxiba: unxiba ngokuqhelekileyo, kodwa kunxitywa izihlangu ezithambileyo kuphela

Usuku Lwesithathu (3) Umjikelo Wokugqibela?

Vuka utye isidlo esimnandi sakusasa phambi kokuphuma kwindawo ubuhlala kuyo eSun City Resort, ukuze uqhubeka namalungiselelo akho ohambo.
Kungenjalo, kutheni ungahlali kancinci udlale omnye umjikelo we golufa?

Okongeziweyo

  • Ubusuku obubini kwigumbi eliliwele ePalace of the Lost City kuquka isidlo sakusasa yonke imihla ulapha (uyakwazi ukutshintsha igumbi uthabathe olibona lingcono)
  • Ibala lase Lost City Country club elinemingxuma eyi 18 kunye nendlu yokonwabela iziselo
  • Ibala iGary Player Country Club iquka isidlo sasemini kwindlu yokutyela nokusela (ikumgama osesiphakathini)
  • Ukungena mahala kwi Valley of the Waves eSun City Resort
  • Isithuthi esizula mahala eSun City Resort

Oku ngongezwanga

  • Imali yalowo ukuncedisa ukuphathisa iibhola zegolufa, ukuqasha isikhoji kunye nokunye onokukwenza okungachazwanga
  • Ukutya neziselo ezinga bandakanywanga
  • Amafutha we moto nokunye makubhatalwe ngqo nguwe

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel