Onokuthi Ukwenze eBakgatla Resort, ePilanesberg National Park

Iindwendwe zase Bakgatla kunye nabo baze kwinkomfa baye baxakwe kukukhetha xa kuthethwa ngabanokuthi bakwenze ngexesha batyelele kwindawo yezilwanyana ekufuphi eSun City.

Indawo iBakgatla Resort ikunikeza okuninzi onokuthi ukwenze ngaphandle, okufana nokuba uziqhubele okanye uqhutyelwe apho kukho nonogada nijikeleze umzi wezilwanyana, ubukele iintaka, nohambo olwenza imincili olufana nokubhabha emoyeni kwibhaluni, ukuqhuba ibhayisekile enkulu nokunyuka intaba. Ukukhwela indlovu kunye nokuncokola nabaxhwangushe bakhulu bathambileyo kungenzeka logama uhleli kwindawo enezilwanya ekufuphi eSun City.

Ukubukela Izilwanyana

Izilwanyana ezifumaneka ePilanesberg National Park ziquka izilwanyana ezintlanu zinkulu zeli kunye ne hlosi, ingcuka sable, indlulamthi, iqhwarha, imvubu, Igwenya, ibhade ne Impala ukubiza ezimbalwa. Iintaka ziye zifumaneke kwindawo ezahlukileyo, ezifana ne Red eyed Bulbul ne Blackeyed Bulbul ziphila zonke epakini ngenxa yokushiyana kwindawo zezityalo.

Uhambo Lokujikeleza

Iindwendwe zinikezwa amathuba amaninzi ukuba zizivele imimangaliso ye Pilanesberg. Ukuqhutyelwa ngexesha nibuka izilwanyana nabaqeqeshelwe ukusebenza ngezilwanyana izithuthi ziphuma kabini ngemini nasebusuku ukubuka ubomi bezilwanyana zase busuku. Kukho phantse ama 200km (124 miles) zendlela ezikumgangatho ophezulu ukuze uziqhubele kwindawo yezilwanyana kufuphi ne Sun City. Zininzi iindawo onokuzifihla kuzo nendawo zokuhlala uzonwabele ezinemibono emihle zivumela abatyeleli bazonwabele ‘ngaphandle ezimotweni’.
Ukubukela iintaka kulunge kakhulu kukho iintlobo zentaka ezingapha kwama 300 ezishicilelweyo. Zikhona ezeli kodwa zikhona nezisuka kwamanye amazwe. Ezinye iintlobo zitya icarrion okanye izilwanyana eziphilayo ngexesha ezinye zisitya inkozo, iziqhamo okanye izilwanyana ezincinci zase manzini. Xa iindwendwe zibuyela eBakgatla Resort, zingazonwabisa ngokuqubha kwi puli nabantwana bolule imilenze ebaleni.

Onokukwenza Kufuphi

Ukuqhuba ubukele izilwanya ebusuku nase mini
Iindawo zokwenyuka intaba
Ukuqhuba ubukele izilwanyana okanye ukoja inyama ehlathini, nokuba kukonwabela isidlo sakusasa
Ukukwela ibhaluni eshushu ebhabha phezulu kwezilwanyana
Ukukhwela iindlovu
Ithuba lokuncokola neendlovu
Ukukhwela ibiyisekile enkulu
Ukudubula
Ukuduba iintolo
Onokuthi ukwenze okwahlukileyo ngengxenye yosuku
Ukudlala amagubu
I-Sun City -Igolufa, superbowl, casino, indawo yemidlalo yamanzi, iLost City

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel