Indawo Yokuhlala I’Palace of the Lost City’ efumaneka eSun City Resort

Ibhotwe ‘Palace of the Lost City’ inamagumbi odidi oluphezulu angama 335 kunye nendawo yokulala enikeza uhoyo lwase bukhosini enemiboniso emihle phezu kwamanzi okanye kwehlathi, iindwendwe ziyazikhethela ezikfunayo.

Ibhotwe lase Lost City ese Sun City linamagumbi angama 335 akudidi oluphezulu onoku khetha kuzo kunye namagumbi anikeza uhoyo lwase bukhosini, nemiboniso emihle phezu kwamanzi okanye ihlathi apho ke indwendwe zizikhethela khona. Iimpahla zegumbi ngaphakathi zenziwe ngendlela eyodwa ngesandla zibonakalisa iintyatyambo zase Afrika iflora kunye ne fauna, kunye nocoselelo olubonakalisa okokuba yenzelwe umntu.

Amagumbi akudidi oluphezulu kwihotele yakho eSun City inamagumbi omgangatho ophezulu angama 151, nezinkulu kakhulu ezingama 76, kunye nezinye ezingama 35 ezinkulu kakhulu ezijonge ngakwi puli, ezilungele usapho zingama 55, zintathu (3) ezilungele abantu abakhubazeke amalungu omzimba, zintandathu (6) ezikumgangatho ophezulu kunye nezintathu (3) ezikumgangatho wokuhlala uMongameli.

IGumbi - iLuxury Twin

Amagumbi akwi Luxury Twin kwi ndawo elibhotwe elise Lost City lilala abantu ababini kwibhedi ezifanayo. Igumbi lokuvasa elifumaneka kwalapha ekamereni ikwanayo nendawo esecaleni yokuvasa ne shawa, ikhabhathi ekwigumbi lokuhlambela eyenziwe ngelitye le mamore (marble) ngaphezulu kunye nezinye iindawo zodidi oluphezulu.
Amagumbi akwi Luxury twin anendawo yokungena esecaleni yokuhlala, indawo yokutyela, idesika, kunye nomabonakude ombaca onezikhululo ezongeziweyo, umoya opholileyo we feni efakelweyo, indawo yokugcina ikhompuyutha ephathekayo ikhuselekile, isixhobo sokomisa inwele, iti ne kofu, isikhenkcezisi esincinci, kunye noncedo imini nobusuku ngokuthi utsale umxeba ukwi gumbi lakho (24hrs). nyathela ngaphandle kwi bhalikhoni wonwabele umbono weentaba.

IGumbi – iSuperior Luxury

Amagumbi akudidi lwe Superior Luxury afumaneka kwi bhotwe lase Lost City ese Sun City Resort alala abantu ababini, kwi bhedi enkulu I’king’, kwaye inegumbi lokuvasa elinebhafu ne shawa ezohlukileyo, ngaphezulu kwe khabathi kufakwe ilitye le Mamore kunye nokunye kodidi oluphezulu. Lamagumbi anendawo yokuhlala ekungeneni, indawo yokwenza ikofu neti, idesika, umoya opholileyo ofakelwayo, uncedo usekamereni ngokuthi utsale umnxeba emini nokuba kusebusuku (24hrs). Bukela izikhululo ezongeziweyo kumabonakude ombaca yale mihla uhleli kwi gumbi lokuphumla, yonwabela ukubukela igadi kunye ne puli yokudada.
Amagumbi ase Superior Luxury ajonge ngase pulini anenkonzo onokuzisebenzisa ezifanayo nezo zegumbi Superior Luxury, ngaphandle kokuba yona ungakwazi ukubukela kakuhle ipuli kunye negadi efukufuku ubukela kwifestile ezinkulu kweli gumbi.

I-Gumbi Losapho I’Superior Luxury Family Room’

Igumbi losapho iSuperior Luxury elise bhotweni eLost City ese Sun City Resort Iinendawo esecaleni yokungena, kuyo kungalala usapho lwabantu abane (4) Kwibhedi enkulu kakhulu kunye nesofa yokulala kwindawo yokuphumla. Igumbi Lokuvasa elisekamereni kunye neshawa yabucala, iikhabhathi ezifanayo ezine litye imamore inenkonzo ezikudidi oluphezulu, idesika, kunye nendawo yokwenza iti ne kofu. Okongeziweyo kuquka umoya opholileyo okwaziyo ukulawulwa, umabonakude ombaca onezikhululo ezongeziweyo, isikhenkcezisi esincinci esigcweleyo, kunye noncedo kwi gumbi lakho naninina (24hrs).

Okongeziweyo xa undwendwele

  • IWi-Fi emahala
  • Isidlo sakusasa onokusitya kangangoko uthanda (English breakfast)
  • Ukungena mahala kwi ‘Valley of Waves’
  • Ukukhathalelwa kwegumbi lakho yonke imihla
  • Uncedo kwi gumbi lakho nanini na (24hrs)
  • Uncedo lokongeza iibhedi nokutshintsha amashithi

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel