Indawo Efumaneka kuyo Maritame Bush Lodge, ePilanesberg National Park

I-Kwa Maritame yindawo yokuhlala ephakathi kwehlathi elinomzi wezilwanyana ekufuphi eSun City kwaye yindawo elungileyo xa undwendwela Pilanesberg National Park.

Ezona ndawo zinkulu zimbini ezinomtsalane ezingafaniyo, kuye kubenzima ukugqiba okokuba uqale ngeyiphi kuqala. Kukhona ukuphola kwe Pilanesberg National Park, apho ungahamba khona ubuka izilwanyana okanye uhambe ngezithuthi.

Indawo iSun City exakekileyo ikumgama oyi 8km (4.9 miles) ukusuka eKwa Maritane Lodge ze ukuya kwisikhululo senqwelo moya ibeyi 2km (1.2 miles) ukusuka eKwa Maritane.

Indlela xa usuka e-O.R Tambo International Airport

Xa uphuma kwisikhululo senqwelo moya thabatha indlela esingisa ePitoli -R21. Xa usondela ePitoli thabatha u-N1 ukusingisa ngase Mantla esingise ngase Polokwane. Ngoku khangela ze uthabathe indlela u-N4 ukusingisa eRusternberg. Kweli cala lendlela, uzakugqitha iitonele ezimbini x2 kwicala ngalinye. Gqitha iindlela ezijikayo ezisingisa eHartebeespoort, Brits ne Randburg. Ngoku, jonga indlela ejikayo elandelayo esingisa eSun City, Bapong ne Majakaneng -R556. Jika kulendawo- ungaqhubeki kwindlela esingisa eRustenberg.
Phezulu kwindlela ejikayo jika ngase kunene ungene eSun City/Bapong. Hlala kulendlela umgana ongange +/-75km. (kufanele ubone abapapashi bendawo Kwa Maritane rhoqo emveni kwe 10km’s). xa kusele umgama ongaphantsi kwe 5km ufike thabatha indlela ejikayo esingisa Kwa Maritane, Mogwase, isikhululo senqwelo moya sase Pilanesberg. Hamba umgama phantse we 2km kulendlela ukuya kwindawo yokungena ya Kwa Maritame ngase khohlo.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel