Indawo Efumaneka kuyo iTshukudu Bush Lodge, ese Sun City, ese Pilanesberg National Park

Indawo Itshukudu Bush Lodge yindawo yokuhlala ekufuphi kwizilwanyana ese Sun City, ikwindawo engenaso isifo se Malaria, iPilanesberg National Park.

Indawo iTshukudu Bush Lodge iphakathi kwindawo enezilwanyana iPilanesberg National Park ese Mzantsi Afrka. Le paki ingenaso isifo sika malale veva yeyesine ngobukhulu apha eMzantsi Afrika kwaye ilikhaya kwintlobo ezingapha kwe 360 ezahlukileyo zentaka. I- Pilanesberg National Park ikwalikhaya kwizilwanyana ezinkulu ezintlanu zeli lo Mzantsi Afrika, amagama wazo iNgwenya, Imbabala, Indlovu, Ingonyama, kunye no Mkhombe.

Indlela xa usuka eFourways, eSandton

Qhuba ngase mantla kwi Wiliam Nicol drive de ufikelele kwindlela ezine ezinomyalelo othi yima ene Witkoppen Rd. Jika ngase khohlo kwi Witkoppen Road esingisa ngase Lanseria / Roodepoort. Jika ngase kunene apho kudibana khona iindlela ezine Hans Strijdom extension endleleni esingisa ngase Broederstroom ne Lanseria.
Nqumla ibhulorho phezulu kwe R28 Krugersdorp/Pretoria highway ugqithe indlela ejika eLanseria. Qhubeka ungajiki phambili de ufike apho kuma khona iindlela ezenza unxathathu. Kwezondlela, jika ekunene ku R512 osingisa eBrits ulandele iibhodi ezibonisa indlela.
Qhubaka kwindlela ezine esinomyalelo othi yima, jika ekhohlo ku R512/R27 eya eBrits/ Rustenberg. Qhubeka ugqithe kwindawo ejikayo yokuqala esingisa eBrits. Kwi bhodi ebhalwe R27 Rustenberg /Brits jika ekunene. Kwi bhulorho jika ekhohlo esingise ngase Rustenberg.
Qhubeka de ufikelele kwindawo ejikayo ngase khohlo. Thabatha lendlela ijikayo uqhueke ku N4 highway. Uzakubona umbhalo ngase khohlo endleleni ebhalwe Pilanesberg ngase khohlo kwindlela esingisa ku Route 91.
Phuma ngasekhohlo kwi highway. Kwindlela engunxantathu, jika ekunene uqhubeke kulendlela esingisa ngase Sun City. Gqitha ibhodi ebhalwe Kwa Maritane ne Sun Village ujike ekunene kwibhodi ebhalwe eBakubung ne Tshukudu Bush Lodge. Landela indela esingisa ekumasango ase Bakubung. Kwindawo yokwamkela iindwendwe eBakubung, cela i-ofisi yase Tshukudu. Ekhwelwayo esingisa eTshukudu Bush Lodge isuka ngentsimbi ye 14:00 eBakubung.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel