Ukubuka Izilwanyana eSun City
Ukubuka Izilwanyana zase Ndle kwindawo Ezihlala kuzo eSun City

Indawo yokutyelela iSun City Resort isekucuphekeni kwe Pilanesberg National Park. Abatyeleli bangonwabela ukubona izilwanyana ezintlanu ezinkulu ezithandwayo zeli kwipaki yazo, babone nezinye ezininzi kwindawo ekufuphi ehlala izilwanyana.

Ukubuka Izilwanyana eSun City

Indawo yokutyelela iSun City Resort isekucuphekeni kwe Pilanesberg National Park kwaye iindwendwe zingakhwela izithuthu ezikhwelwayo xa kubukwa izilwanyana kwi ndawo yazo ukuze zibone ubomi basendle. Zininzi ke intlobo zezilwanyana ezenza umtsalane ezikulendawo yokutyelela. Igadi iCascades inendawo ezininzi zentaka apho abatyeleli bangabona khona intlobo zentaka ezintle zakudaka nentlobo ezihonjisiweyo. Iindwendwe zongabukela izilwanyana ezitya intaka ezifana namaxhalanga apho zinikwa ukutya yonke imihla kwindawo ebizwa I’Birds of Prey Centre’.
Iindwendwe zinga ndwendwela kwi Kwena Gardens elikhaya le Ngwenya, yona ke ifumaneka kumasango ase Sun City. Elona xesha lingcono lokuya kusemveni kwemini, ixesha elo lokutyisa iingwenya. Ungandwendwela nakwi lizwe lamabhahathane, naleyo isekwayindlela yokuchitha ixesha lakho lase mveni kwemini. Abatyeleli bangabona iintlobo ezininzi ezahlukileyo zamabhabhathane apho.
Enye yendlela ekhumbulekayo yokubona lendawo kukuyibonela emonyeni ngokuthi ukhwele ibhaluni ekhwelwayo ehambela phezulu xakuqala ukutshona ilanga. Emveni koku kuye kulandele isidlo sakusasa esimnandi esihamba nesiselo ishampeyini.

Onokuthi ukwenze Nezilwanyana kwi Fama Ezingqongileyo Zezilwanyana

Indawo yezilwanyana iPilanesberg National Park yogquma indawo engange 55 000 ye hektare kwaye ububume obusisangqa enedawo ethe yenziwa yinyikima mhlaba. Ubume bomhlaba buya bukeka kakhulu, kukho ichibi esiphakathini salendawo yathi yathwaxwa yinyikima mhlaba, engqungwe ziintaba. Le paki ikwi ndawo ephakathi kwe Kalahari lowveld ecosystem, kwaye zombini iintlobo zezityalo ziyafumaneka. Indwendwe ezityelele eSun City zithathwa kwindawo yabatyeleleli ukuze bathabathe uhambo olusingise kule paki, engumgama omfutshane uqhuba babuyiswe xa sele begqibile.
Iindwendwe zifumana ithuba lokubona ubomi basendle obunenkqubela kulom-mandla, kuquka izilwanyana ezintlanu ezinkulu zeli – Indlovu, Ingonyama, Imbabala, Umkhombe, (omhlophe nomyama) kunye ne Ngwe ethanda ukuhlala iyodwa. Ezinye izilwanyana abanokuthi bazibone Iiqhwarha, Ingcuka, Indlulamthi, Imvubu kunye ne Ngwenya. Sikhona isithuthi esijikeleza emini nasebusuku kwabo bafuna ukubuka izilwanyana.

Ukubhabha nge Bhaluni Emoyeni (kuqikelelwa okokuba ithabatha iiyure ezine 4)

Lebhaluni ibhabha emoyeni ithabatha imizuzu engama 60, kwaye ilandelwa sisiselo se shampeyini nesidlo sakusasa esipheleleyo.
Imibono emihle kunye nobomi basendle ayinayo iMalaria iPilanesberg National Park ingabonakala kakuhle xa ubhabha emoyeni ukhwele ibhaluni. Obu ke ubumnandi awukwazi ubuphosa- yindlela yokwakha iinkumbuzo zokubukela izilwanyana ubhabhe phezu komhlaba owawuthwaxwe yinyikima yomhlaba. Ukuhamba kwakusasa kuqinisekisa okokuba iindwendwe zibona isibhakabhaka esihle sakusasa nezilwanyana uzibonela ezantsi kakuhle. Izilwanyane zase ndle zixakeka kakhulu ngeyure zakusasa xa kusabanda. Kufumaneka isiselo ishampeyini ne nesidlo sakusasa emveni kokukhwela lebhaluni.

Ukuqhuba Ubukele Izilwanyana (kuqikelelwa okokuba oku kuthabatha iiyure ezimbini ukuya kwezintathu 2-3hrs)

Izithuthi ezihamba ebusuku nase mveni kwemini ziyafumaneka. Iimoto zabucala ezilungele amaqela zingalungiswa.
Iindwendwe zingahamba ngesithuthi zibuka izilwanyana, kwaye zibonisa izilwanyana ePilanesberg National Park. Ziyakwazi ukulandwa kwi hotele ezihlala kuyo ngulowo ukhokhela iqela eliyokubona izilwanyana, kwaye unolwazi ngoko akwenzayo. Uyakuthi ancede ngokufumana izilwanyana zasendle ezifumaneka kulom-mandla, ezifana nezilwanyana ezintlanu ezinkulu.
Ukuzonwabisa ngokubukela izilwanyana kwindawo ezihlala kuzo ezifumaneka eSun City Resort, ubani angatsala umxeba phambi kwexesha acele indawo ancedwe yi Siyabona Africa Destination Specialist uhambo naluphi na oluthi luthabathwe lusuka luphinde lubuyele kwindawo yolonwabo apho ahlala khona.
Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel