ULonwabo Olugqithisileyo
I- Sun City Resort, eMzantsi Afrika

Indawo iSun City kudala inikeza iindwendwe ulonwabo olungakholelekiyo, ukususela kubu newu-newu bokundwendwelwa ngosaziwayo ukuya kwindawo zokungcakaza kunye neetafile zokudlala imidlalo yee gemu, iindwendwe zase Sun City ziyakuhlalwa zonwabile.

Ulonwabo eSun City

Indawo iMoviezone iyavulwa yonke imihla okokuthetha iintsuku ezisixhenxe (7) evekini, kwaye inendawo zemiboniso bhanyabhanya okanye ibhayiskopo ezimbini ezihlala zibonakalisa ii ‘movie’. Indawo yodidi oluphezulu yokubukela ibhola, abathengisi, kunye nemibonakaliso yemidlalo ethe yadlalwa komabonakude yamaqela amakhulu. Kwabo bathandwa ukudanisa ukuze bahambise ubusuku, indawo iSilhouette Nightclub yindawo ekufanele bayindwendwele.
I-Sun City iinendawo ezininzi ezohlukileyo zokutyela, ukususela kwindawo zokutyela zosapho eziqhelekileyo ukuya kwezo zodidi oluphezulu. Abo bathanda ukuthenga bayonwatyiswa kukubona iindawo ezikhethekileyo ezithengiswayo kunye nevenkile ezithengisa ubucwebe. Kuzo zonke ezintlobo zokuzonwabisa, iindwendwe zingazibona zixakiwe, kodwa ke akukho sidingo sokuxhalaba kuba uncedo lukhona kwindawo eyi Welcome Centre yona ke ifumaneka emnyangweni oya kwindawo yokuzonwabisa.

Umculo kunye Nemidlalo ye Qonga

Imiboniso yokuzonwabisa efumaneka eSun City iquka imidlalo yeqonga, ulonwabo kunye nolwazi ngoku thunga. Ubuchwephesha bungendlela iqela eliqonda ngayo okokuba yintoni ulonwabo olugqithisileyo okanye ngesingesi ‘extravangaza’ nokuba kufuneka ibonakale njani, kwaye kufuneka ithethe njalo naba bukeli bayo.
Ngesiqhelo ii-Extravaganza zenziwa ngendlela ethile ecwangcisiweyo. Uthotho lweengoma kunye nomdaniso, ezithi zidibanise nalendlela icwangisiweyo, ziye zenziwe. Ayikho indlela ethile yokuchaza, kwaye ayikho injongo yalomdlalo ngaphandle kokonwabisa uluntu olusuka kwindawo ezohlukileyo olundwendwela eSun City lusuka kwilizwe jikelele.
Mininzi ke imidlalo eyenziwe kweli, kodwa zikhona neekhonsathi ezenziwa ngosaziwayo bamazwe jikelele unyaka wonke eSun City Theatre ne Sun City Superbowl. Ndwendwela eComputicket.com ze ukhangele iSun City ukuze ubhukishe kwimidlalo edlalayo kunye naleyo izayo.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel