SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failedI-Valley of the Waves - Ese Sun City Resort, eMzantsi Afrika

I-Valley of the Waves
Ese Sun City Resort, eMzantsi Afrika

Lena ke yindawo yakho yolwazi malunga ne Valley of the Waves ese Sun City Resort eMzantsi Afrika. Yonwaba nosapho kwipuli zamaza kunye nemidlalo onokuyenza emanzini, ukhwele ezikhwelwayo.Kwintliziyo yendawo eyathwaxwa yinyikima mhlaba kudala, xa kubaliswa, impucuko enkulu yaqala emveni koko. Abathandi boxolo abasuka ngasemantla bathi bathabatha indawo bahlala kulendawo ifukufuku iluhlaza, bathi bokha ibhotwe elihle, elingqungwe ngamanzi ahlala engxangxaza kunye negadi ezintle.
Emveni kokuba inyikima mhlaba itshabalalise ikhaya labo, abantu bayishiya indawo, ze ibhotwe nesixeko salo zakhula ingca.
Emveni kwenkulungwane ezidlulileyo, umhloli walemihla wadibana nesi Sixeko Silahlekileyo (Lost City). Ibhotwe lathi labuyiselwa kuzuko lwalo lakuqala, laze lavulwa kwakhona ngonyaka ka 1992 njenge ngxenye yophuhliso lwe Lost City Development eSun City. Indawo iValley of the Waves iyavulwa yonke imihla, ukususela ngo 09h00 ukuya ku 18h00 ehlotyeni amaxesha ase busika ngu 10h00 ukuya ku 17h00. Kukho iintlobo ezimangalisayo ezohlukileyo zolonwabo ezilindele ukuba zonwatyelwe kulendawo.

Indwendwe zase Mini – Amaxabiso Okungena eValley of the Waves

Iindwendwe ezihlala kwenye ye hotele zase Sun City zingangena mahala eValley of the Waves. Iindwendwe ezityelela emini kufuneka zibhatale ukuze zingene eValley of the Waves. Abadala (13 iminyaka ukuya ku 59) : R395 Abantwana (4 iminyaka ukuya ku 12) :R290 Abantwana abangaphantsi kwe 2 yeminyaka: Bangena Mahala Abadala kakhulu


Indwendwe zase Mini – Ziyacelwa Ziqaphele:


Umntu ngamnye omdala nomncinci kufuneka abhatale imali engange xa engena kumasango ase Sun City phambi kokufika eValley of the Waves. Oku kuthetha okokuba iindwendwe ezityelela emini kufuneka zibhatale imali engange ukungena kwindawo yokutyelela iSun City Resort, ze ziphinde zibhatale imali eyodwa yokungena eValley of the Waves (Jonga amaxabiso abhaliweyo phezulu). I-Siyabona Afrika ayizithabathi izicelo zokutyelela emini.

Iimayini ze Dayimane ne Golide

Emveni kokuba inyikima yomhlaba itshabalalise impucuko yakudala, iimayini ezindala ze dayimane ne golide zathi zafunyanwa zizikhukhula ingxenye yazo kwaye namhlanje inikeza umtyibliizi namanzi ahambela ngaphantsi kuba ayaphithana ukuya ezantsi kumtyibilizi ophezulu ze wehle.
I-Tarantula inikeza ixesha elimnandi – ingqongwe bubumnyama, ayinayo enye into ngaphandle kombhobho, uthi uzivuselele ngendlela ezisingisa ezintabeni ngokukhawuleza okumangalisayo. Uva isandi sika nxwe wokungxola kwakho esoyikwa ngulomntu wehlayo entabeni emveni kwakho.

I-Bhulorho ye Xesha

Le bhulorho imangalisayo, egadwe zizidlakela zeendlovu, injongo yayo kukudibanisa iholo lobutyebi (Hall of Treasures) ese Lost City kwindawo yokonwabisa efumaneka apho, ene Valley of the Waves. Ukuze ukhusele ubutyebi obungabalekileyo, obufihlakele kwi Hall of Treasures, kuye kumane kubakho into efana nenyikima yomhlaba ethubeni, yenze umsi ne noqhekeko olwenziwa yinyikima ukuya emazantsi izihlandlo ezine ubunzulu obusuka etempileni yendalo.

Amanzi Abhongayo (Roaring Lagoon)

Amanzi akwingxangxasi iRoaring Lagoon ilungele abo bathanda imidlalo ebalekisa igazi. Rhoqo kwi 60 seconds, kukhala impempe, ikhala kakhulu ezindlebeni. Iliza elingange 1.2 ukuya phezulu elikhawuleza ngo 35km nge yure idibana nolwandle olune santi ithi ilutsale ngodonga olufana nomntu.

Ukuhamba Emlanjeni Ongcwele

Lomhlambo ungaphantsi komhlaba ujikeleze isiqithi se Valley of the Waves umgama ongama 500 metres, iphethe izigidi zelitha zamanzi ezingange (2 million) kunye nabantwana abonwabileyo, betsiba amanzi kwimibhojana eyimibala ngemibala.

I-Tempile Yesibindi

Abo bantliziyo zomeleleyo behla bame ku 17 metres ezantsi kwi bhaluni yama 70 metres baleka phantsi kwebhulorho ungene kwi puli yamanzi ahlwahlwazayo ezantsi – ayibalungelanga abantliziyo zibuthathaka.

Amasango wase Kong

Amasango amakhulu akhusele ukungena kwi Ntili, asabonakala nanamhlanje.

I-Monkey Spring Plaza

Indawo iMonkey Spring Plaza ikhumbuza nge qela leenkawu, elathi lasindisa isizwe sakudala kwindlala ngexesha lembalela enzima.

I-Sway Bridge

Le bhulorho yenziwa yinkosi ukuze ibambisele abo bazama ukonzakalisa usapho lwase bukhosini. Iyangxola ze ihamba-hambe ngokungathi iyazamla phezulu kwamanzi awehlayo emazantsi.

Ingxangxasi Yomqolomba Efihlakeleyo

Landela indlela ye Hippo Gorge Trail ukususela ezinyaweni ze zitepisi I’Royal Staircase’ ukuya kule Ngxangxasi Yomqolomba Ofihlakeleyo.

I-Royal Staircase

I-Royal Staircase zizitepisi ezidibanisa iValley of the Waves ye Lost City nge geyithi i-Old East Gate Bridge.

Indlela Esingisa Kulonwabo

Lendlela isingise elonwabeni idibanisa ihlathi lemvula ‘Rain Forest’ enqumla kwi Royal Staircase.

I-Gong of the Sun Lion

Esisixhobo sihle sasindisa abantu bakudala ngokuthi sibabizele kwindawo ekhuselekileyo yase bukhosini abantu, nje phambi kokuba inyikima yomhlaba itshabalalise amakhaya wabo.

I-Royal Arena

Le amphitheatre intle yenza indawo entle yokubambela imibhiyozo kubekho iziselo ezixutyiweyo, ukwazisa iimveliso ezisentsha, kunye nemidlalo yeqonga.

I-Royal Baths

Ezibhafu zasebukhosini, zaziwa ngokuba amanzi wazo anamandla okuphilisa, ekuqaleni zazakhiwe phezulu kwengxangasi yamanzi.

I-Observatory Bar

Ijonge phezu kwechibi I’Lake of Peace’ kunye ne Valley of the Waves, ziyafumaneka iziselo yonke imihla ukuqala ngo 10h00 ukuya ku 18h00 ehlotyeni, de kubethe u 17h00 ebusika.

I-Machachos

I-Machachos ilungele abo bangxamileyo kodwa bafuna into etyiwayo. Ukutya okukhawulezileyo okune ncasa kuyafumaneka ukusuka ngo 10h00 yonke imihla ukuya ku 18h00 ehlotyeni nango 17h00 ebusika.

Indawo Yokutshintsha Abantwana

Iyafumaneka kwizindlu zasese, eyomama kunye neyotata, kufuphi nendawo yokuvalela izinto.

Ukuvalwa Enyakeni

Indawo iValley of the Waves iyavala rhoqo ngonyaka ixeshana ngexesha lase busika ukuze kulungiswe ipaki yamanzi oyithandayo ukuqinisekisa umgangatho wezixhobo ezisetyenziswayo okokuba ngophezulu. Indawo iValley of the Waves (iquka i-Ampitheatre, Royal Observatory Pool, ne Dungeon) zizakuvalwa njengoko zithi zivale ngexesha elithile enyakeni ukususela ngomhla ka 18 May ukuya kumhla we 27 June.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel