Amabala Okudlala iGolufa eSun City
I-Gary Player Country Club kunye ne The Lost City Golf Course

Thabatha umdlalo wakho kwamanye amanqanaba kulendawo yokudlala iGarry Player Golf Country Club kunye ne Lost City Golf CourseIndawo yabatyeleli iSun City Resort ithe yabamba iNedbank Golf Challenge ukusuka ngonyaka ka 1981 kwindawo eyaziwa kumhlaba jikelele IGary Player designed fairways. Inemihlaba emibini, ibala legolufa elinemingxuma eyi 18 lokubambela indebe kunye nendawo ezintle zokusetyenziswa, I-Gary Player Country Club kunye ne Lost City Gold Course ezise Mzantsi Afrika, nangona zohluke kakhulu zombini, kodwa zinikeza indawo yokudlala igolufa ekudidi oluphezulu kwindawo ekudidi oluphezulu. Indawo iSun City Resort ikumgama ongama 187km (116miles) ukusuka eJohannesburg, ukuya kwiphondo lase North West.Imali eyathi yaphumelelwa ingapha kwama 4 000 000 we dola yase melika, umdlalo wonyaka we Nedbank Challenge eSun City odlalwa ngo December ngumdlalo odumileyo othi utsale abadlali begolufa ababalaseleyo kumhlaba wonke beza eGary Player Country Club, ese Sun City besilwela ubungangamsha.
Elibala libalaseleyo lase Sun City linzima kwaye liyasebenzisa. Lelinye lamabala awakhe amade kwilizwe jikelele, lingapha ko 7km (4.3 miles) kwaye lifuna amandla okudlala nokuchana umhlola kubadlali. Ababukeli abaninzi bayaphuma rhoqo ngonyaka bezokubukela lomdlalo wentumente omnandi bonwabele nokubase Sun City.

Indawo I-Gary Player Country Club ese Sun City

Ikwindawo eyakhe yathwaxwa yinyikima yomhlaba, le yindawo yokudlala igolufa eSun City eyenziwe ngu Gary Player, yona ke ithabatha imbasa ephezulu kwilizwe elinamabala we golufa abalaseleyo awogqitha amazwe amaninzi. Iindwendwe zizakufumana imingxuma eyi 18, eyi 72 kwicala lokuhamba nokubaleka ecaleni, umgama oyi 5km (3miles) wokuzilolonga ngokubaleka.
Indlu ekulendawo ikudana inevenkile ethengisa izixhobo zegolufa enendawo zempilo nezokuzilolonga. Ijimu inabo abaqashiweyo baqashelwe ukuzilolonga ibekhona nendawo jokujikeleza namabala amabini okudlala isquash. Inwele nobuhle ukuzilungisa kuyenziwa espa esine zixhobo ezine shawa, ibhafu enamanzi, ipuli ye spa, kunye nendlu ephuma umophu.

Ibala le Golufa iLost City elise Sun City

Umdlalo we golufa elinodumo eSun City de indlela elenziwe ngayo elinye ibala lanikezwa uGary Player owaziwa njenge gorha. Injongo yayikukwenza into enomahluko! Lemingxuma iyi 18 ingaqhelekanga elingana neyi 72 libala linomhlaba omhle owohlukileyo eliquka iintaba, amahlathi nomhlaba we Afrika.
Kwindawo zamanzi ezininzi zinechibi kunye nemigxuma eyi 13 eyingozi. Ayilungeli abantliziyo zibuthathaka kukhona neengwenya ezingama 20 zase Nile eziphilayo emanzini kulendawo iluhlaza! Indlu yalendawo yegolufa entle, indawo yokuqhuba nevenkile ethengisa izixhobo zegolufa zikumgama omfutshane ukusuka kwi Palace of the Lost City okanye uhambo ngebhasi lemizuzu emibini ukusuka kwi Gary Player Country Club.

Qaphela

Omabini amabala okudlala igolufa ase Sun City Resort ayavalwa ngemini ezithile evekini ukuze alungiswe njengesiqhelo; uyacelwa uqonde kumsebenzi onobubele wase Siyabona Afrika osebenza ngabo bafuna ukundwendwela iindawo xa ufuna iinkcukacha ezithe vetshe malunga ngexesha ocela usuku lokundwendwela ngalo.

Sun City Golf Break

Le phakheji yentsuku ezintathu (3) eSun City iyakukubeka kwindawo yokuhlala ekudidi oluphezulu eSun City Resort, kwaye ikunikeze ithuba lawo...more
Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel