I-Black Rhino Game Lodge
Ese Pilanesberg National Park, eMzantsi Afrika

Ikumgama ongama 33km ukusuka eSun City, kwihlathi lase Pilanesberg National Park, iBlack Rhino Game Lodge kukufumana nokonwabela impatho yase Afrika. Lendawo yokutyelela inendawo yokungena apho kugcinwa khona imikhombe, londawi isetyenziselwa ukujikelezisa ngesithuthi abatyeleli babuke indawo.
  • Ukuhlala: amagumbi ayi 14 azimeleyo akudidi oluphezulu
  • Indawo ezifumaneka kuyo: Kwicala lase ntshona le Pilanesberg National Park ekwiphondo lase North West, ese Mzantsi Afrika
  • Onokuthi ukwenze: Ukuqhuba isithuthi ujikeleze ubuka izilwanyana, ukuhamba nibuka kwaye nifundiswa ngezilwanyana, ukubukela iintaka

Ukuhlala kwakho eBlack Rhino Game Lodge ekwiphondo lase North West, eMzantsi Afrika uyakwazi ukubona imibono yehlathi iTamboti kunye nomngxuma wamanzi. Lendawo yokuhlala ekufuphi eSun City inemiboniso etshintshayo ye Kalahari eyomileyo kunye nemimandla emanzi engezantsi. Lamagumbi abucala azimele kwaye ngalinye linendawo yalo yokuphumla ezimeleyo, umoya opholileyo, igumbi lokuvasela elenziwe kakuhle, neshawa engaphandle kunye nokunye onokusebenzisa kwalemihla.

Hlala kwindawo ephezulu ubukele ngexesha usitya ukutya okwenziwe kwikhitshi elikudidi oluphezulu ngexesha ubukele izilwanyana phambi kwakho. Yonwabela ukuhamba ehlathini ubone iintlobo ezahlukileyo zeentaka nezilwanyana. Chitha iintsuku zakho ugcakamele ilanga kwipuli kawonke-wonke okanye uthabathe uhambo ehlathini.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel