I-Bush Bungalows efumaneka eSun City
Indawo yokuzonwabisa eSun City, North West, e-Mzantsi Afrika.

Iibush Bungalows ezifumaneka eSun City zinikeza ithuba lokuhlala eSun City ngamaxabiso aphantsi, apho ubani athi ahlale kwindawo enomoya ofudumeleyo efana nelali ekwilizwe lase Afrika, yona ke ingaphakathi kulendawo yokuzonwabisa iSun City Resort kweli lase Mzantsi Afrika.
  • Ikumgama wama 750m ukusuka kwihotele iCabanas ese Sun City
  • Iindwendwe zizonwabisa kamnandi kumoya ofudumeleyo ofana nowelali ekwilizwe le Afrika
  • Yonwabela ubusuku nobuthongo obumnandi kwelinye lamagumbi alishumi elinesine (14) endwendwe akudidi oluphezulu
  • Ufumana ithuba lokubona uhlobo lwenkawu ivervet ngethuba uhleli kwindawo iSun City

Izindlu ezaziwa ngokuba zi Bush Bungalows zinikeza iindwendwe indawo yokuhlala ekhethekileyo kwindawo eyaziwayo yabahambeli iSun City Resort. Le ndawo yokuhlala ise Sun City ikumgama ongama 750m ukusuka kwihotele iCabanas ese Sun City.

Iindwendwe ezihlala eBush Bungalows ese Sun City, eMzantsi Afrika ziye zifumane umoya ofudumeleyo wobuntu kwingingqi ye Afrika, oku kwenza ixesha abathe balihlala ibelelo bangasokuze balilibale.

Indawo ke zokuhlala iBush Bungalows eSun City zinamagumbi okuhlala (chalets) akudidi eliphezulu alishumi elinesine (14). Igadi (Kwena Gardens) ilikhaya kwintlobo ezohlukileyo ezintle zengwenya ezikwi khaya lazo. Lendawo ilikhaya ithabatha iingwenya ezingama 7000, ezimbini (2) kuzo zezona Ngwenya zakhe zankulu ezathinjwa kumlambo iNile kumhlaba jikelele. Iindwendwe kulendawo yokuhlala eSun City zithi zonwabele iintlobo ezahlukileyo zeentaka kunye neenkawu ezithi zindwendwele rhoqo.

I-Bush Bungalows Izibonelelo

  • Ukubona ngokupheleleyo ingingqi yamaza (Valley of Waves)
  • Ithuba lokusebenzisa zonke iinkonzo ze Canabas Hotel
  • Ipuli yokudada eCanabas Hotel
  • Isidlo sakusasa kwi ndawo yokutyela iBird’s Nest Breakfast Café
  • Indawo yokungcakaza yase Sun City
  • Ukuhanjiswa simahla kwindawo ezise Sun City Resort

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel