I-Hotele iCabanas ese Sun City
Indawo iSun City Resort, ese Mzantsi Afrika

iHotele iCabanas inikeza usapho ithuba lokuhlala eSun City ngamaxabiso afikelelekayo. Yonwabela iqela le midlalo yamanzi kunye, neminye imidlalo kumagumbi amakhulu.
  • Uncedo olukudidi oluphezulu eCabanas hotel, ese Sun City
  • Abantwana bayalungiselelwa nokuba bakweyiphi iminyaka
  • Indawo yokuhlala njengosapho eSun City
  • Imidlalo yase manzini iyafumaneka

Ihotele iCabanas ese Sun City inikeza iindwendwe uncedo oluxabisekileyo, olunjogene nezidingo zazo nosapho ngexesha bekwi holide yangase lwandle. Yeyona ndawo ilunge kakhulu yokuhlala iintsapho eSun City inamagumbi angama 380 ahlalisa kamnandi aquka amagumbi angama 24 ajonge ngase chibini, amagumbi angama 120 afanayo aqhelekileyo, amagumbi angama 32 entsapho ajonge ngase chibini, ama 201 wamagumbi entsapho aqhelekileyo kunye namanye amathathu afumanekayo.

Iindwendwe ziyakwazi ukufikelela kwingca engaphezulu kwe Waterworld, enikeza ichibi elikwi ndawo efukufuku. Elichibi libanzi yindawo yokudlalela imidlalo yamanzi kwindwendwe zonke, akukhathaliseki iminyaka.

Indawo iSun City Resort inene yi paradesi ebantwaneni. Iipuli ezifumaneka eCabanas hotel zenzelwe abantwana, ikhona ipuli engekho nzulu, ibekhona neyenzelwe abantu abadala, zombini zinamanzi enziwe shushu. Indawo iKamp Kwena yi paradesi yabantwana yokuzonwabisa kwaye ibagcina bonwabile ngexesha bendwendwele eSun City nge holide.

iCabanas Hotel ese Sun City inentlobo ezintathu zokutya kuquka ukuziphakela kangangoko ufuna kwindawo iPalm Terrace. Enye indawo i-The Famous Butcher’s Grill inikeza inyama yomzimba emnandi eyenziwe emlilweni, ngexesha isidlo sasemini esimnandi esingekho sikhulu sithengiswa eGrande Pool Bar.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel