Ibhotwe lase Lost City
Sun City Resort, kwiphondo lase North West, Ese Mzantsi Afrika

Ibhotwe le Lost City Hotel elifumaneka eSun City yindawo yokundwendwela ebonakalisa ebukhosini benkosi yamandulo kwaye, mhlawumbi yeyona hotele entle ingaqhelekanga kwilizwe lonke.
  • Lendawo iphakathi kwamahlathi kum’mandla iPilanesberg ese Mzantsi Afrika
  • Amagumbi mahle kakhulu, makhulu kwaye akwindawo elungileyo
  • Ibhotwe liphezulu kwehlathi ngama 25 we hektare
  • Buka ingqokelela yomsebenzi opeyintiweyo, imifanekiso ebunjiweyo yesintu, ingqokelela yemifanekiso kunye nobugcisa

Elibhotwe lase Lost City ese Sun City inikeza iindwendwe ubunewunewu bendawo engqongileyo yodidi oluphezulu kunye noncedo lendwendwe elikwizinga eliphezulu. Ukusuka ngendlela entle eyenziwe ngayo, ukuya kwimihombiso ekhethekileyo kunye nomoya wendawo ezolileyo, ivumba elimnandi lale hotele ese Sun City lizakothusa, likuthabathe futhi likumangalise.

Thabatha ixesha uhambe ukhangela indawo ezikhethekileyo zokulungisa intloko kunye nendawo ezihamba abantu uzakufumana ingqokelela yemizobo, imifanekiso ebunjiweyo, ingqokelela yemifanekiso kunye nezinye iingceba zobugcisa, zonke zibonakalisa ubutyebi ngendlela yazo. Amagumbi nawo mahle ngokufanayo, makhulu kwaye yindawo ekhethekileyo yokuhlala eSun City.

Ubungangamsha beli bhotwe bujonga ngaphezulu kwehlathi elingama 25 we hektare, izitepisi zase bukhosini, iigadi, ampitheatres, iibhafu zase bukhosini, kunye ne ‘Valley of the Waves’ yodumo enemidlalo yase manzini.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel