Onokukwenza kwi Bhotwe lase Lost City, ese Sun City Resort

Kwi Hotele ekwi Bhotwe, kukho inkundla yokudlala igolufa entle kakhulu kwabo bathanda igolufa, kwingca entle eluhlaza yaka kunye nezinye iintlobo zezemidlalo ziyafumaneka.

Ukususela apha, iindwendwe ziye zifumane ububele obungalibalekileyo, ukuhoywa kunye nobuntofo-ntofo obufumaneka apha e-Afrika kuphela. Amatye angengawo awokwenyaniso womthi ibamboo asezinyaweni zendlovu, ingwe ezityabekiweyo ngemibala ngengca phezu kwezitulo ezibotshelelweyo neetafile ezibekwe ngendlela ethile.

Imidlalo yase Manzini

Iindwendwe ezihlala kwindawo ‘The Palace of Lost City’ ese Sun City banga qubha kwi puli enkulu okanye bathabathe uhambo basingise kwi bafu zokuqubha I’royal baths’ ekwi Valley of Waves. Lendawo inomtsalane yaziwayo eSun City ngemidlalo yase manzini afumaneka apha kunye nolonwabo lweentsapho. Indawo eyintili yamaza ‘Valley of Waves’ inendawo ekhethekileyo yabantwana kunye nonogada ukuze abantu bangatshoni bahlala besebenza ukuqinisekisa ukhuseleko kusapho lwakho.

I-Royal Salon

Fumana uthotho lwenkonzo zokuzilungisa olukudidi oluphezulu kule ndawo ityebileyo intle ebizwa iRoyal Salon kwindawo ohleli kuyo eSun City.

I-Golufa

Thabatha uhambo olunikeza umdla lwe golufa kwelibala linemingxuma angama 72 kwihotele ohleli kuyo eSun City. Iinkonzo ezifumaneka kwelibala le golufa lise Sun City liquka ivenkile iPro ethengisa izixhobo zokudlala igolufa, ubunakekela okuluhlaza kunye nendawo yokuqhuba.

Isiselo Somdiliya Omfaxangiweyo kunye Nokutya

Sela isiselo esixutyiweyo esimnandi uhleli ecaleni kwe puli okanye kwi bhari ezolileyo iTusk Bar ze utye kwindawo yokutyela iCrystal Court, apho ke kuthengiswa ukutya okumnandi ngendlela ethile yomzobo. Zonwabise kukutya okuvuzisa amathe kwase Afro-French fusion kwindawo yokutyela ekudidi oluphezulu iPlume xa ufuna ukutya kudidi oluphezulu. Sela isiselo esihlwahlwazayo esimnandi kwi Plume Champagne Bar.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel