Impela Veki Yolonwabo Losapho eSun City

Yenza iinkumbulo nosapho uchithe iintsuku ezintathu (3) kwindawo yokutyelela iSun City Resort, apho wena nosapho lwakho nizakuthi nonwabele imidlalo yamanzi, imidlalo yosapho ze nithabathe uhambo lokuqhuba phakathi kwezilwanyana. Eyona nto imnandi ngale phakheji? Abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi 12 bahlala MAHALA.

Thabatha usapho lwakho nisingise kwi Sun City Resort engumangaliso. Iholide yakho yosapho yentsuku ezintathu eSun City izakunikeza ixesha elaneleyo udlale nabantwana bakho, nenze imidlalo emnandi yosapho nenze nenkumbulo zanaphakade.

Le phakeji yeholide yosapho eSun City inemidlalo emininzi yamanzi nokuzonwabisa ukuze wonke umntu ahlale onwabile. Xa uthabathe ixeshana kude kulendawo yokutyelela ungaya ePilanesberg National Park, unikeze usapho lonke ithuba lokukhangela izilwanyana kuquka ezintlanu ezithandwayo zeli ukhwele isithuthi esikhwelwa xa kubukwa izilwanyana kwindawo yazo ehlathini.

Okubalaseleyo ngale Phakheji Yosapho eSun City

  • Abantwana bahlala mahala
  • Ungena mahala kwi Valley of the Waves kunye nebhasi ezula eSun City Resort
  • Imidlalo emnandi elungele usapho lonke ukususela kwi golufa yabancinci, ten pin owling, mini quad biking, ulonwabo lwasemanzini eValley of the Waves
  • Iintlobo zemidlalo yabantwana phantsi kohoyo lomgcini bantwana oqeqeshiweyo eKamp Kwena (iminyaka 4- 12)
  • Ndwendwela ilizwe lezilwanyana kunye nomzi wengwenya eKwena Gardens
  • Thabatha abantwana kubumnandi kwindlela ka loliwe engqunge iWaterworld lake ku loliwe iStimela
  • Thabatha uhambo ngesithuthi sokubuka izilwanyana ePilanesberg National Park

Usuku Lokuqala (1) : eSun City

Abasebenzi abanobubele, abamamelayo base Sun City Resort bazakunceda bakubonise indlu ozakuhlala kuyo nosapho lwakho. Chitha injikalanga uthabatha inxaxheba kwimidlalo emnandi oyithandayo.
Kwintsapho ezifuna imidlalo yase manzini, indawo iSun City Resort inemidlalo yamanzi emininzi iquka I waterskiing, wakeboading, parasailing, tube rides, wake snakes, uhambo ngesikhitshane emaninzini, nokuninzi eValley of the Waves.
Yonwabela isidlo samandulo esimnandi ucinge ngosuku olumnandi othe wanalo. Chitha ubusku ecasino okanye wonwabele nemidlalo yeqonga ngexesha abantwana behleli nabo baqeqeshelwe ukujonga abantwana.

Usuku Lwesibini (2): Sun City

Emveni kokutya ibrakfesi emnandi, wena nosapho lwakho ningachitha injikalanga ngendlela enithanda ngayo.
Kuninzi onokuthi ukwenze eSun City Resort, kuquka iMaze of the Lost City, Kwena Gardens, igolufa yabantwana kunye ne lizwe lezilwanyana.
Imidlalo emnandi iquka igolufa yabancinci, iscratch patch, zip lining, quad biking, (ziquka iquad bikes zabancinci) kunye nokuninzi.
Imiboniso yobomi basendle – emveni kwemini singisa eSun City kwindawo yokwamkela iindwendwe apho uzakuthabatha uhambo ubone izilwanyana unqumla ePilanesberg National Park. Wena nosapho lwakho ningabane ntlahla yokubona izilwanyane ezintlanu zeli lo Mzantsi Afrika, ngexesha ukoluhambo lungalibalekiyo. Emveni kwemini emnandi yemidlalo, yonwabela isidlo esimnandi sosapho uchithe nenjikalanga kwindawo yokuzonwabisa.

Usuku Lwesithathu (3): Sun City

Xa ulungiselela ukuhamba, yonwabela isidlo sokugqibela apho ungatya wanele khona usitya isidlo sakusasa kwindawo yokutyela esehotele.
Ukuba abantwana abakonwabi ngokwaneleyo, mhlawumbi bangadlala igolufa yabantwana okokugqibela phambi kokuba bagoduke.

Okongeziweyo

  • Indawo yokuhlala, ubusuku kabini (2) eCabanas Hotel kuquka ibrakfesi
  • Uhambo lokubuka izilwanyana ePilanesberg National Park (2½ hrs)
  • Ukungena mahala eValley of the Waves eSun City Resort
  • Imoto ezula eSun City ekukhwelisa mahala xa usiya naphi na eSun City Resort

Okungongezwanga

  • Imidlalo onokuthi uyenze
  • Izidlo neziselo azingacaciswanga
  • Amafutha emoto kunye nokunye kufuneka zibhatalwe ngqo zindwendwe

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel