Indawo Zokubambela Inkomfa eSun City Resort
eMzantsi Afrika

Ukubamba Inkomfa eSun City

Indawo iSun City Resort ese Mzantsi Afrika inikeza iintlobo zendawo zokubamba imisitho kunye nenkomfa ezinendawo zokulala nolonwabo kwabo beza beliqela. Abo bandwendweleyo banamagumbi okubambela imihlangano neenkomfa, amagumbi abucala okuthetha kunye neendawo ezikudidi oluphezulu abanokuthi bakhethe kuzo, kuquka indawo entle iSuperbowl ehlalisa abantu abangapha kwama 6 000. Lendawo ingalungiswa ilungele imisitho ebanjelwa ngaphandle okanye ngaphakathi.
Abo beze kwi nkomfa bangonwabela ukubuka izilwanyana ezintlanu ezithandwayo zeli kunye nemidlalo yase hlathini kwi Pilanesberg National Park engenaso isifo sika malaleveva, wonwabele ukukhwela indlovu ehlathini okanye wonwabele isidlo sedinala kubuhlanti obenziweyo ehlathini phantsi kwenkwenkwezi. Indawo yase Sun City iphela kunye ne Casino ine hotele ezine, izithuthi ezisingisa kule ndawo yokuzonwabisa, ulonwabo olulungele abancinci nabadala kunye nemidlalo (games) zodidi oluphezulu. Lendawo yokutyelela isehlathini lephondo lase North West, eMzantsi Afrika, umgama ongange 187 km/116 miles ukusuka eJohannesburg.
Ukuzonwabisa phambi kwenkomfa kunye nasemveni kwenkomfa, iindwendwe eSun City Resort ziyakwazi ukukhetha ezinokuthi zikwenze okonwabisayo kuquka imiboniso bhanyabhanya nemidlalo yeqonga. Lendawo inentoyonke iquka amabala amabini wegolufa awenziwe ngu Gary Player, amathuba ezemidlalo, iSpa, ezemidlalo yenkcubeko kunye nokutya nendawo zokuthenga. Indawo iValley of the Waves yeyona igqamileyo kwi Lost City kwaye yeyona ndawo ikudidi oluphezulu inemidlalo yamanzi kwihlabathi lonke. Iindwendwe ezize kwinkomfa kunye nentsapho zizakufumana indawo zabantwana kunye nezokunakekela abantwana ziyafumaneka.
Amagqabantshintshi ngendawo zokubambela iinkomfa eSun City.

Indawo Yokuzonwabisa Ephakathi eSun City

  • Amagumbi Abucala – 10 ukuya ku 90 zendwendwe kumagumbi ayi 13
  • Igumbi iHall of Treasures - iindwendwe ezingama 700 ezizakusela iziselo kuphela (iyasetyenziswa nanje ngendawo yokubonisa iintengiso)
  • I-Gumbi iPilanesberg – Indwendwe ezingama 800 ezizele iziselo okanye ama 600 ezize emsithweni
  • I-Royal Ballroom – iindwendwe ezingama 1 200 xa zihleli oku kwabantu abaze kwinkomfa okanye ama 800 eze emsithweni
  • I-Superbowl – iindwendwe ezingama 6 855 ezihleleli ukubukela umdlalo okanye ukuyokuma kuma 10 500 kuquka negumbi lokuma

I-Sun City Hotel

Baobab, Acacia kunye ne Jacaranda ngamagumbi okubamba iinkomfa


Lamagumbi ahlalisa kamnandi angonela iindwendwe ezingama 360 zihleli njengabo baze kwinkomfa okanye abangama 650 abazele iziselo.

I-Letsatsi Conference Centre


Lendawo iye yavuselelwa isakhiwo kwafakwa iintambo ukuncedisana nomxeba kunye nee khompuyutha. Kukhona indawo yokwamkela uluntu, iholo, amagumbi ohlukeneyo okubamba iinkomfa kunye namagumbi okubamba imihlangano, ihlala iindwendwe ezifikelela kuma 160.

I-Sun City Threatre


lendawo iyaphindana njenge holo elinokuhlala abantu abangama 620. Indawo yokutyela i- The Terrace Restaurant kunye nendawo ye puli zikulungele ukusetyenziswa luluntu, zinikeza ubani ithuba loku khetha isidlo sedinala okanye iziselo abantu abangapha ko 600 nabangama 500 ngokulandelelanayo.

I-Palace of the Lost City

Baobab Outlook (Ingaphandle nemibono emihle yendawo) – ithabatha iindwendwe ezingama 110 ezizokutya idinala okanye 150 ezizokufumana iziselo.
Council Boardroom- Iindwendwe eziyi 14
I-Palace Boardroom- ikwindawo yezoshishino kwaye ihlala iindwendwe ezilishumi (10)
I-Protea ne Orchid – iindwendwe ezingama 80 kwigumbi ngalinye kwindawo yokuhlala efana nase bhayiskopo.
I-Royal Chambers - iindwendwe ezingama 120 zihlei ngoku ngathi zikwi nkomfa okanye ama 80 wendwendwe ezihleleli umsitho.

I-The Cascades Hotel kunye ne Cabanas

I-Cabanas Boardroom - iindwendwe eziyi 12
I-Cabanas Palm Terrace Restaurant – ungakhetha phakathi kokuhlala ngaphakathi okanye ngaphandle xa niliqela
I-Cascades 2nd Floor Boardroom - iindwendwe eziyi 8
I-Cascades 4th Floor Boardroom – iindwendwe eziyi 10 etafileni okanye 20 kwigumbi lonke.

Indawo Ezonwabisayo Ezingaphandle

I-Botsalanong Boma kunye ne Letsatsing Boma


Indawo ezingaphandle ezivulekileyo zinikeza umoya opholileyo kwindawo yokubamba umsitho kwindawo enomlilo eziko nabadanisi besintu kunye nendawo zokutya ezikhethekileyo kunye nokoja.

I-Elephant Wallow


Lendawo inephahla elenziwe ngengca ephezulu kumngxuma wamanzi ise Letsatsing Game Park. Kuhlala iindwendwe eziphela ku 65 zingonwabela isidlo ehlathini kunye nedinala ngexesha bebukele indlovu kumgxuma wokusela.

I-Cultural Village


Xa ningamaqela wabantu abangama 80 behleli phantsi, lendlela yenziwe ngayo ngathi libhoma okanye ubuhlanti ilungele injikalanga yesintu kwaye isemnyangweni we Sun City.

I-The Shebeen


Ivulwa yonke imihla lendawo yokutya inobume base lokishini kunye nendawo yokusela kwaye inayo indawo engabekelwa imisebenzi yemibhiyozo yabucala.

I-Royal Observatory Deck


Lendawo yedinala ingaphandle ijonga ngaphezulu kwe Royal Bath eValley of the Waves kwaye yonela abantu abangama 350 okanye 550 abasela iziselo.
Amalwandle ase -Valley of the Waves
Indawo elungele ukubambela umbiyozo wase waselwandle, ukuyokuma kuma 1 000 wabantu bangonela kulendawo kwaye kukho indawo encinci, yabucala efumanekayo enokonela abantu abangama 100.

I-Amphitheatre


Ikwindawo yokuzonwabisa, lendawo intle yanela abantu abangama 200 kwingca ekufuphi echibini.

Ingca ye Pikiniki e-Cabanas


Abangu abangama 600 bangonwabela ipikiniki esisidlo sasemini kufuphi ne Waterworld kwaye abantu abangama 200 bangonela kwingca ekufuphi nechibi.

Isithuthi Esijikeleza eSun City Resort

Ibhasi ejikeleza iiyure ezingama 24hrs ehamba phakathi kwihotele zonke ngasemnyangweni walendawo yokutyelela. Ukhona no loliwe wesibhakabhaka (uloliwe owenzelwe umzila) othi uhambise iindwendwe kwindawo yokungena, nokubabeka kwindawo yokuphuma kulendawo yokutyelela ukuya kwindawo yolonwabo ngempela veki nangentsuku zeholide zoluntu.
Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel