SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failedKwa Maritane Bush Lodge - Onokuthi Ukwenze

Onokuthi Ukwenze Kwa Maritane Bush Lodge

Kuninzi okokukwenza Kwa Maritane Bush Lodge, kunye ne Pilanesberg National Park ekufuphi ne Sun City.

Ezemidlalo noku Phola

Ihlathi elizolileyo yeyona ngoma imnandi kusuku lokuzonwabisa kwindawo yakho yokuhlala engumzi wezilwanyana kufuphi ne Sun City. Zoneke elangeni ngokuthi uthabathe inxaxheba nokuba kukweyiphi kwezenziwayo, ezifana ne trampoline, indawo yokudlala abantwana, ichess yangaphandle, ukudlala kwihlathi elikhanyiswe ngesibane esikhulu uputt putt, iipuli zokuqubha ezimbini, izibane ezibini ezinkulu ezikhanyisela ibala lentenetya ezilunga nakwesiphi isimo sezulu, ibala le volibholi, intenetya yetafile, iitafile ze puli ngaphakathi kunye nomtyibilizi wamanzi. Kungenjalo, zonwabise ngokuthi uyokupotozwa kwintlobo ezahlukileyo zoku potozwa eKwa Maritane Spa.

Uhambo Lokujikeleza eMini

Ezona ndawo zimbini zinomtsalane zindawo ezingafaniyo, kunzima ukugqiba okokuba wenze ntoni kuqala. Kukhona umoya opholileyo we Pilanesberg National Park, apho ungahamba ubuka izilwanyana okanye uhambe ngesithuthi kwindawo ohlala kuyo enezilwanyana eSun City.
Phinde kubekho iSun City ebalekisa igazi, apho ungonwabela khona umdlalo we ntenetya, igolufa, squash, pin bowling, ukukhwela amahashe, ifama yengwenya, indawo yentaka, casino, ulonwabo lomculo, kunye nemidlalo yeqonga kunye nemiboniso bhanya bhanya.

Uhlelo laba Lawuli Bendawo Yemfuyo Abasakhasayo

Kwindawo iKwa Maritane Bush Lodge kuninzi onokuthi ukwenze ukugcina abantwana bakho bonwabile. Abasenzi abaqeqeshiweyo nabafundileyo baza kujonga abantwana bakho ngalo lonke ixesha lale nkqubo. Bazakufunda ngentlobo zentaka, izityalo nengca ngexesha bethabathe uhambo olusingisa ehlathini.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel