Onokuthi Ukwenze eTshukudu Bush Lodge

Yonwabela amathuba okubona imibono emangalisayo yokubona izilwanyana ngexesha uhleli kwindawo enezilwanyana kufuphi ne Sun City ese Pilanesberg National Park.

Uhambo Lokubuka Izilwanyana

Qala usuku lwakho eTshukudu Bush Lodge nohambo ngesithuthi olonwabisayo. Ezinye zezilwanyana zasendle zeli lo Mzantsi Afrika onokuthi uzibone zizilwanyana ezinkulu ezintlanu zeli- amagama wazo Yi Ngonyama, Umkhombe, Ingwe, Indlovu, kunye ne Mbabala. Iindwendwe ezithanda ulonwabo zingonwabela uhambo kwi paki yezilwanyana bekhatshwa ngulowo usebenza ngezilwanyana ePilanesberg National Park.

Ukuphola

Buyela eTshukudu Bush Lodge ufumane iti ekudidi opluphezulu emnandi. Chitha injikalanga efudumeleyo ugcakamele ilanga okanye uqubhe kwi puli ehlwahlwazayo eyenziwe ngamatye. Indawo iTshukudu Bush Lodge inethala lencwadi elincinci enencwadi ezithile ezikhethekileyo ukuze ufunde kwinjikalanga epholileyo.
Uhambo olusingisa eSun City Thabatha uhambo usingise kwi Sun City ekufuphi apho unokuthi wonwabele umdlalo wegolufa. Bukela umdlalo weqonga kwenye yendawo zolonwabo okanye uzame intlahla yakho ngokungcakaza ecasino. Indawo iSun City inefama ye Ngwenya.
Onokuthi ukwenze okwengeziweyo kuquka ukundwendwela umzi weentaka okanye ukukhwela amahashe.

Ukutya Ehlathini

Yitya ukutya okumnandi okuya entliziyweni apho utya wonele, de uphinda phinde rhoqo ngentseni kwindawo enemibono emihle ye dekhi. Yonwabela injikalanga uphunga iti wonwabile okanye isidlo sasemini esincinci nje phambi kokuba uthabathe uhambo lokubona izilwanyana. Isidlo sase mveni kwemini eTshukudu Bush Lodge kukutya oku khethekileyo, ukudla okumnandi kwase Afrika okunencasa uhleli emlilweni obasiweyo okanye kwingumbi lokudlela elinomoya wothando.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel