Ukuya eSun City Resort
eMzantsi Afrika

Yonwabela ukuziqhubela usingise eSun City Resort, eMzantsi Afrika.

Thabatha inqwelo moya ukusingisa eJohannesburg, ufike uziqhubele isithuthi ukuya eSun City

Indawo iSun City Resort yindawo apho abantu bathanda ukuziqhubela xa besiya, ikwiphondo lase North West, eMzantsi Afrika. yonwabela iholide yosapho okanye undwendwele indawo yezilwanyana efana ne Planesberg National Park, wonwabele indawo yezilwanyana ekufuphi eSun City.

Qhuba xa usuka e-OR Tambo International Airport, eJohannesburg

Ungaqhuba iiyure ezintathu (3) (kuxhomekeke ekuxakekeni kwendlela esixekweni).
Thabatha imoto erentisayo e-OR Tambo International Airport ze usingise eSun City emveni koko. Xasele uphumile kwindlela exakekileyo yesixeko sase Johannesburg, ukuziqhubela usingise eSun City kuzakuthabatha iiyure ezimbini (2).

Indlela xa usuka e-OR Tambo International Airport

Thabatha indlela I- R21 ngasemantla we Pitoli/Polokwane jika ku N4 ulandele ihighway esingisa eRustenberg. Emveni kokugqitha iRustenberg jika ekunene kwi R565 ukuya eSun City/Lost City.

Xa Uziqhubela ukusuka eLanseria Airport, eJohannesburg

Iiyure ezimbini (2)
Leke yeyona ndlela ikhawulezayo kunezinye. Isikhululo senqwelo moya sase Lensaria singaphandle eJohannesburg (indawo yase Magaliesberg). Wonga ixesha elininzi kuba awudibani neendlela ezixakekileyo zasesi xekweni se Golide.

Indlela xa usuka Kwisikhululo Senqwelo Moya sase Lanseria

Thabatha indlela u- N4 esingisa eKrugersdorp. Jika ekunene ku R24 osingisa eRustenberg. Jika ku N4 uqhubeke ku R565 ukusingisa eSun City/ Lost City.

Ukuboleka imoto

Fumana ulwazi oluthe vetshe ku car hire for Sun City apha. Ukufumana ulwazi oluthe vetshe ngenqwelo moya ukuya eJohannesburg, uyacewa utsalele umnxeba enye ye arhente zase Siyabona Africa.

Uhambo labucala ukuya eSun City

Zikhona izithuthi zabucala ezihamba yonke imihla phakathi kwe Johannesburg ne Sun City, eMzantsi Afrika, ziyafumaneka. Uyakwazi ukwenza isicelo sokulandwa e-OR Tambo International Airport okanye ihotele eJohannesburg okanye Pretoria.
Uyacelwa unxibelelane nomye we arhente zase Siyabona Africa ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe ngoku.

Inqwelo Moya

Uhambo ngenqwelo moya ukusuka eKapa nase Johannesburg usingisa eSun City ziyafumaneka ngoku – uyacelwa uthethe nomnye wabo basebenza nabatyeleli eSiyabona Africa ukuze ufumane iintsuku namaxesha.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel