Onokuthi Ukwenze eManyane Resort

Iintsapho kunye nabo bazokungena inkomfa kuninzi abanokuthi bakonwabele eManyane Resort balungiselele ukubona izilwanyana kwindawo yezilwanyana enkulu ekufuphi eSun City.

I-Manyane inikeza ukuphola nolonwabo. Onokukwenza kulendawo yokuhlala ise Pilanesberg kuquka igolufa yabantwana, ibala lokudlala abantwana, ukuhamba kwindawo yentaka, ukuziqhubela okanye uqhutyelwe kwindawo yezilwanya ekufuphi eSun City nendawo yokuhamba. Zininzi ezinye ezifumanekayo onokuthi uzonwabise ngazo ePilanesberg National Park.

Ukuhamba Ngenyawo Phakathi Kwezilwanyana

Indawo Imanyane Resort inendawo ekhokhelayo onokuthi uhambe kuyo enikeza imfundiso ngendawo esingqungileyo kunye nendawo yokubukela izilwanyana neentaka. Kwakulendawo ungakwazi ukuhahamba phakathi kwendawo yentaka enentlobo zentaka zamandulo ezingapha kwama 80. Abathandi bentaka bangasingisa ePilanesberg National Park apho kufumaneka khona iintlobo ezingapha kwama 300 ezisezakubonwa.
Iindwendwe zase Manyane zingonwabela ukubona izilwanyana ezintlanu kulendawo yezilwanyana ekufuphi eSun City kwi paki ze ubone iintlobo ezininzi zezilwanyana zasendle kunye nemibono emihle engqongileyo kwindawo yenyikima yomhlaba. Lendawo iPilanesberg ikwindawo yotshintsho phakathikwe Kalahari eyomileyo kunye nemimandla emanzi, eyaziwa njengehlathi. Izilwanyana ezizitho zine ezohlukileyo, iintaka kunye nezityalo zenzeka ngenxa yezindawo.

Ulonwabo Phakathi Kwezilwanyana

Iindwendwe zinikezwa amathuba amaninzi okubuka izilwanyana nokuqubha ubuka izilwanyana nabo baqeqeshiweyo ezithi zihambe kabini ngemini nasebusuku iindwendwe zingaziqhubela zingalandela phantse 200 km (124 miles) yendlela ezintle ePilanesberg National Park. Iindawo ezininzi zokuzimela kunye nezokuhlala nonwabele ukutya zivumela iindwendwe ziphume emotweni zonwabele indalo.

Inkomfa

I-Manyane Resort inendawo entle enezixhobo zonke yokubambela inkomfa. Ilungele iindibano ezincinci nezinkulu, iqela eliqeqeshelwe ukuncedisa kwinkomfa lincedisa kuyo yonke into linikeza ukuzinikela kunye nocoselelo. I-Manyane Resort inendawo zintathu apho iindwendwe zingatha kuzo. I-Ntsu auditorium yanela abantu abangama 80, igumbi lemisitho lanela ukuyokuma kuma 80 ze iMokoe yanele ukuyokuma kuma 20 wendwendwe xa zihleli phantsi. Iindwendwe ziyakwazi ukusebenzisa izixhobo eziqhelekileyo kunye nezo odidi oluphezulu kunye ne PA system.

Onokukwenza Kufuphi

  • Ukuqhuba phakathi kwezilwanyana emini nase busuku
  • Indawo zokweyuka intaba
  • Ukuqhuba ze woje inyama ehlathini okanye ufumane isidlo sakusasa
  • Ukuhamba ngebhaloni ebhabha phezulu kwezilwanyana
  • Ukukhwela iindlovu
  • Ukuncokola neendlovu
  • Ukuqubha elwandle ngomkhombe kwi Letsatsing Game Park ekufuphi
  • Ukudubula iintola
  • Ukudubula
  • Onokuthi ukwenze ingxenye yemini
  • Ukubetha amagubu
  • Ezinomtsalane eSun City- igolufa- superbowl, casino, indawo yemdlalo yamanzi, iLost City

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel