Onokuthi ukwenze eSun City Hotel, ese Sun City Resort

Thabatha inxaxheba kwintlobo ezimangalisayo zezemidlalo kunye nendawo zokuzonwabisa, indawo zokutya, zokusela, kunye nendawo yokuzonwabisa nilusapho eSun City Resort.

Ezemidlalo Nokuzonwabisa

Kukho iintlobo ezininzi onoku khetha kuzo zezemidlalo kunye nezokuzonwabisa eSun City Hotel indawo zokudlala intenetya ezingangenwayo ngamanzi, ibala lokudlala isquash, ukukhwela amahashe, kunye nentaba zendalo onokuthi uzonyuke. Amabala we golufa wendebe amabini, enziwe ngu Gary Player, angacela umgeni nakomphi umdlali we golufa, yonwabela ke imibono ze wamkele nomceli mngeni.

Ulonwabo lobu Mnandi Kusapho

Ulonwabo olungapheliyo kunye nobumnandi zingathi zonwatyelwe ngethuba ulapho undwendwele eSun City. Imidlalo emnandi ingonwatyelwa kwinkampani iMagic Company, imidlalo enemfundiso ilindile kwilizwe lezilwanyana. Yona ke iKamp Kwena inikeza udidi oluphezulu lwenkonzo yokugcina abantwana apho bathi bafundise yonke imihla.
Hamba - hamba kwi gadi iKwena nosapho wonwabele okonwabisayo okunomahluko okufumanekayo okufana nokubamba umntwana we Ngwenya nokujonga ngexesha lazo lokutya. Okunye onokuthi ukwenze kuquka ukukhwela I’quad bike’, ubumnandi bokuhamba ngololiwe kuloliwe iStimela, igolufa yabancinci, umdlalo wokukhangela ubutyebi kwivenkile General Mining kunye ne Scratch patch, kunye nexesha lebhayiskopi yosapho.

Imidlalo yase Manzini

Indawo iValley of Waves kuninzi onokuthi ukwenze khona okwezemidlalo, ukuqala kukuqubha phezu kwamaza angu 2m phezu kwawo ukuyo kuma ekuphumleni ecaleni komlambo. Zininzi iintlobo zemidlalo yamanzi kunye nendawo apho uthi ubukele ilanga litshona kwinqanawa echibini.

Ukubukela Izilwanyana

Ungazama ukukhangela ezona zilwanyana zinkulu zintlanu zalapha e-Afrika kwi Pilanesberg National Park ekufuphi ukhwele kwi bhasi evulekileyo okanye uyokupotozwa isikhumba kunye nokuzenza mhle eGary Player Health Spa.

Ubomi base Busuku

Indawo iSun City Resort inobomi base busuku onokuthi ubonwabele ngexesha undwendwele eSun City Hotel. Danisa ubusuku bonke kumculo omnandi odlalwa ngoo DJ abathandwayo e-Encore. Injikalanga epholileyo, dlala ipuli, ubukele imidlalo edlulileyo okanye wonwabele iziselo nabahlobo kwindawo yolonwabo iVibes. Ulonwabo olumangalisayo luyafumaneka kwibhari yamadoda.

Iziganeko kunye Nolonwabo

Indawo yemidlalo yeqonga ese Sun City inikeza iinkqubo ezimnandi zeqonga. Chitha injikalanga usitya kwi Ndawo zokutya zodidi oluphezulu i-Orchid kunye ne Calabash, ulandelise ngomdlalo, emveni koko ungazama intlahla ngokungcakaza eSun City Casino.

Ukuzivoca-voca ne Mpilo (Spa & Wellness)

Phola uzonwabise kwixesha elidingekayo lokupotozwa e-The Royal Salon. Lendawo yokupotozwa inentlobo ezisetyenziswayo zobuhle nokuzilungisa ezikudidi oluphezulu. Emveni komdlalo onzima wegolufa, ndwendwela indawo yempilo iGary Player Health Spa ukuze upotozwe kuthambe imisipha ufumane namandla.

Iindibano Ezikhethekileyo

Khetha kuthotho lendawo onokuthi uzikhethe eSun City Hotel ukubhiyozela usuku lokuzalwa, umtshato, emveni kokutshata, okanye niphume njenge zithandani nihlale kwihotele ese Sun City. Kwi Hotele ese Sun City uye unikezwe ithuba loku khetha indawo yabantu abambalwa okanye indawo yabantu abaninzi.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel