Kwa Maritane Bush Lodge
ese Pilanesberg National Park, eMzantsi Afrika

Ngenxa yendawo entle engqongileyo kunye noncedo olukudidi oluphezulu, indawo iKwa Maritane yindawo ephumelele iimbasa ezininzi njenge ndawo yokuhlala enezilwanyana eSun City.
  • Lendawo inendawo zokubamba inkomfa
  • Indawo zokuzonwabisa zase Sun City zikufuphi
  • Zonke iikamere zinomoya ofakelweyo opholileyo
  • Yonwabela izilwanyana zasendle kunye neentaka ePilanesberg

Ukokhiwa kwalendawo yase Kwa Maritane kwaqala kwinkulungwane ezidlulileyo – unyikimo lomhlaba olune alkaline lwalungisa iinduli, ezi ke iKwa Maritane ime phezu kwazo namhlanje. Eligama lingaqhelekanga lale ndawo yokuhlala ikufuphi eSun City lithetha okokuba ‘Indawo ye Litye’. Ukususela apha, ungajonga ubuke iindlela ezijongene ne Pilanesberg National Park- indawo egcwele izilwanyana enentlobo ezingama 365 zentaka. Indawo yokuhlala kulendawo ise Pilanesberg National Park ifumaneka kwindawo ezingama 90 wamagumbi akudidi oluphezulu okanye indawo ezingama 54 ezingathi kwabelwane ngazo. Onke amagumbi anendawo ezenziwe ngendlela yale mihla eziquka umoya opholileyo ofakelweyo, izindlu zokuhlambela, iingubo ezintle, igumbi lokuhlambela kunye nelangasese ukubala ezimbalwa.

Lendawo yokuhlala inezilwanyana ikwi ndawo esekuhleni kwaye iyakuvumela ungene ePilanesberg National Park nase Sun City, oku kwenze ibeyindawo yolonwabo nolonwabo losapho olungasokuze lilibaleke. Khetha kuthotho lendlela lokuzonwabisa, zemidlalo kunye nemidlalo ebalekisa igazi efumaneka kulom-mandla.

Yonwabela isidlo sakusasa, sasemini okanye sasebusuku eKwa Lafekeng ejongele phezulu umngxuma wamanzi kunye nemibono yendawo eyenziwe ngelitye le granite. Yitya idinala emnandi kule ndawo yokutyela ikufuphi eSun City, utye idinala ezimnandi eziquka inyama ye mbabala okanye inyama yenyamakazi enqunqwe yancinci, inkukhu kunye nesaladi okanye enyenziwe ngentlanzi (Seafood Hors D’oeuvres). Indawo iKwa Maritane inayo nendawo yokuzivoca-voca apho ungathi wonwabele uthotho lwendlela zokuzivoca-voca.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel