I-Sun City Resort nezinto Onokuthi Uzenze
I-Sun City Resort eMzantsi Afrika

Indawo iSun City Resort inokuninzi onokuthi ukwenze okuzakuqinisekisa okokuba unexesha elimnandi kwiholide yakho.Ngaphandle kokukhwela iibhaluni ezibhabhela phezulu emoyeni emveni kwemini, nokubuka izilwanyana emini kunye nokoja inyama ehlathini, zikhona ezinye indlela zokuzonwabisa eSun City Resort onokuthi uthabathe inxaxheba kuzo. Ezi ziquka ukudubula iintolo, ukukhwela ibhayisekile ezinkulu, ukubetha amagubu, ukudubula udongo, imidlalo yase manzini kunye nokukhwela ibhaluni ebhabha emoyeni. Ukhuseleko lwendwendwe luhamba phambili kwaye zonke izixhobo zezodidi oluphezulu.Iindawo ezinomtsalane ezifumaneka eSun City nezenza umtsalane zongeziwe kongezwe indawo engaphandle yolonwabo ephakathi eLetsatsing Game Park imelene ngqo ne Sun City. Xa imane isakhiwa lendawo, kuzaku kongezwa iindawo zemidlalo. Qaphela okokuba ukhuseleko nezixhobo zezodidi oluphezulu kwaye kukhona okukhusela uluntu okufumanekayo xa ubani ethe wonzakala.

Ukukhwela Iibhayisekile Enkulu

Ulonwabo lokukhwela ibhayisekile enkulu kungathabatha iyure kwaye ukhatshwa uboniswe ngabaqeqesheke kakhulu. Abathabatha inxaxheba akudingeki bakwazi ukukhwela ibhayisekile buza iinkcukacha zokukhwela ziyafumaneka xa ubhatalela ukukhwela ezi bhayisekile.

Ukudubula Umdongo

Ukubula umdongo yinto epholisa ingqondo kakhulu, ithandwa ngancinci nabadala. Abayaleli bayalela abathabatha inxaxheba kwaye akukho sidingo sokuba bakwazi.

Ukudubula Iintolo

Iintola zalemihla ezenziwe ngezixhobo zalemihla ezifana nentola ezenziwa nge khompawundi kunye nentola ezixwesileyo ezinamandla zisetyenziswa kubugcisa bakudala bokudubula ngentola.

Imidlalo yase Manzini Noko Unokuthi Ukwenze Ukuzonwabisa

Indawo iSun City inemindlalo yase manzini eyonwabisayo equka ukukhwela imikhombe eyenziwe oku kwe banana, ukuhamba phezu kwamanzi, ukubhabhela phezulu kwamanzi ngebhaluni, ukukhwela inqanawe nangakumbi. Indawo iValley of the Waves inemityibilizi emnandi kunye nokukhwelwayo.

Ukukhwela Amahashe

Kwabo bathanda ukukhwela amahashe eSun City, likhona ithuba lokuhamba uyokukhwela amahashe kwindawo encinci kulendawo ibucala ingumzi wezilwanyana, abakwaziyo nabo bangakwaziyo bamkelekile, bakhatshwa ngulowo usebenza ngamahashe.

I-Zipslide

Indawo ephezulu etyibilikisayo ebubude obungama 280 metres ukuya phezulu, 2km ubude kwaye ingabaleka kanga go 120km/h. Olu ke lulonwabo ongafuni likuphose. Faka isicelo sokubekelwa indawo kwindawo yokwamkela iindwendwe.

Uhambo loku Funda nge Nkcubeko

Ngexesha ukwi holide eSun City ungathabatha uhambo lokufunda ngenkcubeko. Okonwabisayo kuquka ukuphila imihla ngemihla kwindawo eyilali ngengoma, nomdaniso, ukubona umahluko kwilokhwe zesintu nokuva incasa yokutya okwahlukileyo kwesintu. Imisitho yemidaniso yesintu yasemveni kwemini iyafumaneka.

Izikuta Nokonyuka Intaba nge Bhayisekile

Onokuthi ukwenze eSun City kuquka ukonyuka intaba nge bhayisekile. Yonwabela imibono emihle kulendlela yonyukayo. Ziyafumaneka izikuta kwaye ibalulonwabo kusapho lonke.

Intenetya ne Squash

Akhona amabala okudlala intenetya akufuphi eCascades, apho iindwendwe zingathi zonwabele khona umdlalo we ntenetya okanye we squash kwindawo ekufuphi iGary Player Country Club.
Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel