Indawo yokuhlala iBush Bungalows eSun City

Iindwendwe zingalindela ukufumana ubuthongo obumnandi kulendawo yokuhlala ise Sun City, eMzantsi Afrika.

I-Bush Bungalow ese Sun City inamagumbi alishumi elinesine (14) anephahla elenziwe ngengca. Zihonjiswe ngokukhethekileyo ngemibala yase Afrika efudumeleyo, ezizindlu zibonakalisa iqela leendawo ezinothi zisetyenziswe ukuqinisekisa okokuba iindwendwe zihleli kamnandi kwizindlu ezise Sun City.

Iindawo zokuhlala iBush Bungalows eSun City zine Bunlgaow enye (1) enkulu, ezine (4) ezingamawele, ezisibhozo (8) ezinkulu kakhulu, kunye nenye iBungalow enye (1) evulelekileyo. Zonke izindlu zangasese nezokuhlambela zinedawo yokuhlamba umile eyaziwa ngokuba yi ‘shower’ (iibungalows ezine bhafu kodwa kuxhomekeka kwezo zifumanekayo ngeloxesha).

Izixhobo

  • Umoya obandayo
  • Indawo yokugcina ekhuselekileyo yombane
  • Umabonakude
  • Imfono-mfono
  • Isixhobo sokomisa iinwele (hairdryer)
  • Isikhenkcezisi esincinci
  • Indawo zokwenza ikofu kunye neti
  • Okongezelekileyo bokuzonwabisa iWiFi
  • Igaraji yokugcina imoto kulondawo uhlala kuyo eSun City
  • Idesika yokwamkela iindwendwe evulwa iiyure ezingama 24

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel