Indawo Yokuhlala eSun City Hotel

Amagumbi neekamere nazo zibonakalisa umgangatho njengoko indlela ebukeleka ngayo intle kunye nendawo yokuphola yale hotele iyindumezweni iSun City Hotel.

Le Hotele ise Sun City eMzantsi Afrika inamagumbi angama 340 ewonke, makhulu, mahle, kwaye ayakumema. Zonke iikamere ezibubu ngakanani obuqhelekileyo kule hotele ekudidi lwesine (4*) iSun City Hotel zijongene ne puli enamanzi ahlwa-hlwazayo. Kukhona konke ubani anokuthi akulindele kwihotele eyindumasi yendawo yokutyelela nokuzonwabisa ngeholide.

I-Accesible Room

I-Sun City Hotel inegumbi elifikelekayo elinebhedi enkulu kakhulu, isofa yokulala, kunye nendawo enkulu yokuhamba hamba. Igumbi lokuhlambela elikwase kamereni. Lamagumbi okuhlambela anendawo zokoneka. Igumbi line sofa, umabonakude ombaca onezikhululo ezongeziweyo, ifeni, indawo yokwenza ikofu ne ti, isikhenkcezisi esincinci, kunye noncedo lokuziselwa ukutya egumbini lakho nanina (24hrs).

I-Luxury Twin Room

Igumbi iLuxury Twin Room ilala abantu ababini, inebhafu esecaleni ne shawa, ifeni okanye umoya opholileyo ofakelwayo, umabonakude ombaca onezikhululo ezongeziweyo, indawo yokwenza iti kunye ne kofu, isikhenkcezisi esincinci kunye noncedo lokutyela kwigumbi lakho uziselwe nanini na (24hrs).

I-Luxury Family Room

Usapho lonke lungonwabela ubuntofontofo be Luxury Family Room eSun City Hotel- enebhedi ezimbini ezidibanisiweyo, ibhedi enkulu kakhulu, isofa ukuze kulale abantwana. Yonwabela ukubukela ichibi nemibono yepuli yokudada uhleli kwi bhalkhoni, ukuziselwa ukutya kwigumbi lakho nanina (24). Ikamere eziphumela kwezinye ziyafumaneka nazo.

I-Superior Luxury Room

Iindwendwe ezimbini zingahlala ntofontofo kwi Superior Luxury Room enebhedi enkulu kakhulu, okanye iibhedi ezimbini ezidityanisiweyo, kunye ne sofa, igumbi lokuhlambela elisekamereni enebhafu neshawa esecaleni. Phola kamnandi kweyakho indawo yokuphumla, emveni kwemini yolonwabo nokuzonwabisa kulendawo yolonwabo. Ezinye izinto ziquka umoya opholileyo ofakelwayo, umabonakude ombaca onezikhululo ezongeziweyo, indawo yokwenza iti kunye ne kofu, isikhenkcezisi esincinci kunye noncedo lokutyela kwigumbi lakho uziselwe nanini na (24hrs).

I-Superior Luxury Room/Family Room ekumgangatho Osezantsi Kwisakhiwo

Yonwabela ukuhamba umgama omfutshane ukuya kwiigadi ezifumaneka kwi hotele kumgangatho osezantsi kwisakhiwo okwi Superior Luxury Room eligumbi linokuninzi onokuthi ukudinge kuquka ibhedi enkulu kakhulu, isofa yokulala abantwana, igumbi lokuhlambela elikwala pha ekamereni eline bhafu ne shawa esecaleni, kunye noncedo lokuziselwa ukutya kwigumbi lakho nanina (24hrs).

I-Luxury Suite

I-Luxury Suite ese Sun City Hotel ilala abantu ababini kwibhedi enkulu kakhulu elalisa kamnandi. Khetha ukuthabatha ibhafu yokuvasa ende, kumanzi ashushu kamnandi kwigumbi lokuvasa elikwalapha ekamereni okanye ishawa ekhawulezileyo. Eligumbi likwanayo ne ndawo yokuphumla, ibhalkhoni yakho yabucala, kunye nekamere yokuba iindwendwe zizilungise.

I-Presidential Suite

Ukuze ufumane eyona holide ikudidi oluphezulu hotel ese Sun City Resort, khetha ukuhlala kwigubi elilungele ukuhlala umongameli I Presidential Suite. Yona ke kungahlala iindwendwe ezimbini kuphela zonwabele ubunewunewu beli gumbi liyi Presidential Suite enikeza iindwendwe indawo yokutyela, ibhalkhoni ebucala, enendawo yokungqengqa elangeni kunye ne jacuzzi yokuzonwabisa emveni kwemini.

Okongeziweyo Ngexesha Undwendwele

  • IWifi emahala
  • Isidlo sakusasa phandle
  • Ukungena kwi Valley of the Waves mahala
  • Ukukhathalelwa kwegumbi lakho yonke imihla
  • Uncedo ukwigumbi lakho ngokuthi utsale umxeba nanini na (24hrs)
  • Uncedo lokongeza ibhedi okanye ukutshintsha amashithi

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel