Indawo Efumaneka kuyo iBakgatla Resort
ese Pilanesberg National Park, ekufuphi eSun City

I-Pilanesberg National Park engenaso isifo sika malaleveva, ekufuphi eSun City yeyona ndawo inebala elikhulu eMzantsi Afrika kwaye ikwindawo ekwinqaba yenyikima yomhlaba.

Ikhaya kwindlovu, ingonyama, umkhombe, imbabala, kunye ne ngwe, ihlosi, ingqawane, kunye nempofu enkulu, iPilanesberg National Park ekufuphi eSun City uqhuba iiyure ezimbini (2) xa usuka eJohannesberg kwiphondo lase North West, elise Mzantsi Afrika.

I-Bakgatla Resort kwindawo elungileyo ingqongwe yi Pilanesberg National Park ekufuphi eSun City, eyimizuzu engama 20 xa uqhuba isithuthi. Iindwendwe zingonwabela ezona zilwanyana zinkulu zintlanu zeli kufuphi ne Sun City ze ufunde ngezinye izilwanyana ezilungileyo zasendle ze ujonge nendawo onokuthi uzisebenzise kwi Sun City yodumo. I-Pilanesberg National Park inedama iMankwe esizikithini sayo kwaye ima phezulu kamahlathi. Xa kudlula ixesha, umoya namanzi zenza indlela entle enengca evulekileyo, indawo eyenziwe ngamatye, iintili zamaplanga, nezihlahla. Iindawo ezohlukileyo zamatye, nendawo zentsimbi zakudala zisasazekile kwi paki yonke.

Le paki ifumaneka phakathi kwendawo ezohlukileyo ye Kalahari eyomileyo kunye nom-mandla omanzi osemazantsi onezityalo-, eyaziwa njenge bala elisehlathini. Iintlobo zezilwanyana ezizitho zine, iintaka kunye nezityalo ziye zifumaneka ngenxa yamatye ohlulileyo.

Indlela xa usuka Kwisikhululo Senqwelo Moya i-OR Tambo

Xa uphuma kwisikhululo senqwelo moya thabatha indlela esingisa ePitoli-R21. Xa usondela ePitoli thabatha indlela u-N1 osingisa emantla esingisa ePolokwane. Ngoku jonga uthabathe u-N4 entshona ye Rustenberg. Kwelicala lendlela uzakudlula iitonela ezimbini. Dlula iindlela ezijikayo eziya eHartebeespoort, Brits, kunye ne Randburg. Ngoku jonga indlela elandelayo ejikayo eya eSun City, Bapong, Majakaneng-R556. THABATHA LENDLELA IJIKAYO- UNGAQHUBEKI USINGISE ERUSTENBERG.
Ukusuka eSandton, hamba emantla ngakwi William Nicol Drive ukuya kwindlela ibume obunendlela iWitkoppen. jika ekhohlo kwi Witkoppen ukuya eLanseria/Roodepoort. Jika ekunene kwindawo ejikayo enokongezeleleka kwe Hans Strijdom kwindlela esingise Broederstroom ne Lanseria – R512. Kwibhulorho enqumlayo phezulu ko R28 Krugersdorp/ Pretoria, gqitha indlela ejikayo eya eLanseria uqhubeke ungajiki. Kwindlela engunxantathu thabatha indlela ejika ngase khohlo kwindlela u R512 esingisa eMagaliesberg/Brits Qhubeka kulendlela de ubone ibhodi ebhalwe Sun City ngasekhohlo. Jika ngase kunene ku R512 ukuya eBrits ze unqumle ibhulorho phezulu kwedama iHartebeespoort.
Kwindlela elandelayo ekunxantathu jika ngase kunene ku R512 osingisa ngase Brits. Landela iibhodi ezinikeza indlela. Kwindawo yokuma enendlela ezine jika ngase khohlo ukuya eRustenberg/Sun City. Kwibhodi R27 Rustenberg/Brits jika ekunene. Kwibhulorho jika ekhohlo ukuya eRustenberg. Qhubeka ekhohlo kwindlela ejikayo engase khohlo, yithabathe lendlela uqhubeke ku N4 ophezulu. Ngoku jonga indlela elandelayo esingisa eSun City, Bapong, Majakaneng -R556. THABATHA LENDLELA IJIKAYO-UNGAQHUBEKI USINGISE ERUSTENBERG.
Xa uqhuba usuka ku R556 usingise eBakgata Resort
Phezulu kwindlela ejikayo jika ngase kunene ukuya eSun City/Bapong. Kwindlela yesine enendawo zokuma ezine jika ekunene kwindlela R510 (25km/16 miles) ukusingisa eMogwase. Jika ekhohlo kwibhodi ebhalwe Pilanesberg National Park. Kwindlela yesibini enendawo ezine zokuma jika ekunene. Gqitha amasango eManyane uhambe ungajiki de ufikelele kwindlela engunxantathu. Jika ekhohlo ze ulandele indlela de ufikelele kumasango we Bakgatla.

Indlela nge GPS C-Ordinates

25:11:22.03S
27:08:48.79E

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel