Uluhlu lwee Ndawo Zokutyela eSun City

Indawo iSun City Resort inikeza iindwendwe uluhlu lokukhetha indawo yokuhlala zitye, ukuqala kwindawo zika nokutsho zokutyela ukuya kwindawo ezinokutya okunencasa okuthengiswa ngoku khawuleza. Iindwendwe zingakhetha kwiintlobo ezininzi zokutya, kwaye kuqinisekisiwe okokuba zizakufumana oko zizakuthanda nencasa yako.

Kuko konke okonwabisayo okufumanekayo eSun City Resort, iindwendwe zizakulamba, kwaye zininzi iivenkile zokutya zithengisa ukutya okwahlukileyo ngencasa. Kukho indawo zokutya ezikumgangatho ophezulu apho ungathi uhlale utye kamnandi okanye uthenge ukutya uhambe nako kwintlobo zokutya ezohlukileyo.

Iindawo Zokutyela kwi Bhotwe lase Lost City

I-Plume
Yona ke ilungele isidlo sasebusuku sezithandani, incwadi enentlobo zokutya ePlume ikhokhelela kwinjikalanga ongasokuze uyilibale kwaye enomoya wothando. Iintlobo zokutya kwesintu sama French kodwa incasa yeyalapha e-Afrika- konke ukutya okufumaneka kwimenyu kubhalwe ngenjongo yokonwatyelwa zizithandani. Lendawo yokutyela eSun City inendawo entle ekhethekileyo yokuselela isiselo esaziwa nge ‘Champagne’ ngesingesi, kwaye ezifumaneka khona zezodidi oluphezulu.
I-The Crystal Court
Yona ke ndawo i-The Crystal Court ithengisa ukutya okumnandi kohlobo lwamazwe jikelele kwindawo ekudidi oluphezulu, ifumaneka kwi Palace of the Lost City. Ixesha liyama ngxi kwindawo iCrystal Court, kuba incwadi yezidlo ezifumanekayo yenzelwa izidlo zase mini ezithabatha ixesha elide abantu behleli bezonwabele kunye nemibhiyozo embeje mbeje. Isidlo sakusasa apho ubani athi aziphakele siyafumaneka ukusuka ngentsimbi 06h30 ukuyokuma ku 11h00, ze izidlo zasebusuku eziluncuthu mazangwa zifumaneke ukususela ngentsimbi 18h30 ukuyokuma ku 22h30. Indwendwe kwakhona zingonwabela isiselo sodidi oluphezulu sase mveni kwemini phakathi ko 15h00 kunye no 17h30 phakathi kolonwabo nokuphola eSun City Resort.
I-Peninsula
Ingumbono omhle ojongeka phezulu kwegadi elungiswe kakuhle kunye nendawo zamanzi, le ndawo yi The Peninsula, efumaneka kwi The Cascades. Iindwendwe zingahlala phantsi zonwabele uhlobo lokutya olukudidi lokutyiwa kumhlaba jikelele ngokuthi badle isidlo apho ubani uthi atye onele de aphinda phinde ixabiso lingongezwanga. Lendawo yokutya ese Sun City iindwendwe ziyakwazi ukuthenga ukutya okufumaneka kwincwadi yezidlo ukuyokuma kubantu abangama 180. Isidlo sakusasa sityiwa ukuqala ngo 06h30 ukuya ku11h00, ze isidlo sasemveni kwemini sidliwe ngo 18h30 ukuya ku 22h30. Indwendwe zingonwabela umculo weqonga kulowo udlala isixhobo somculo i-piano ngexesha ehleli besitya ngolwezibini ukuya ngecawa phakathi ko 19h00 no 22h00.
I-Bocado
Kubalulekile ukutsala umxeba ucele ukugcinelwa indawo phambi kokuba undwendwele, kuba lendawo iyathandwa kakhulu eSun City Resort. Ihlala abantu abangama 250, iBocado ese Cascades Hotel ithengisela kakhulu abantu abeza belusapho kwaye ithengisa ukutya okumnandi kakhulu ngomoya we Mediterranean. Kwanto nje ukususela kwizidlo zasemveni kwemini ukuya kwizidlo ezityelwa ngaphandle kwale ndawo yokutya.
I-Grill Room
Lendawo ikhethekileyo yokutya eSun City ivumela iindwendwe ithuba lokuhlala zitye ngokusondelelana ngendlela yendawo zokutyela ezise New York ezithengisa inyama eyojiwe emalahleni, kwi Palace of the Lost City. Kuvuliwe ukususela ngo 12h00 – 14h30 kunye nango 18h00 – 22h00, ukutya okuvuzisa amathe kuthengiselwa abo bathe batsala umxeba bacela ukubekelwa itafile kuphela. Lide ke ixwebhu lesiselo somdiliya omfaxangiweyo, linezona ziselo zodidi oluphezulu kweli lo Mzantsi Afrika, zihambelana kakuhle nencasa yokutya.
I-The Palace Gazebo
Lendawo i-The Palace Gazebo ikwi gadi ebukelekayo ese Palace of the Lost City efumaneka eSun City Resort. Apha ke, ubuhlaza kunye nesibhaka bhaka esiluhlaza esivulekileyo sase Afrika zenza indawo ibenomoya wothando, ilungele izithandani okokuba zowabele ukutya okumnandi.

Iindawo Zokutyela e-The Sun City Hotel

I-The Raj Restaurant
Lendawo yokutya i-The Raj efumaneka eSun City Hotel yindawo yokutyela ethengisa ukutya okulungele nabo benkolo ye Islam, ukutya oku ‘Halaal’. Ukutya kunevuba elimnandi, incasa kunye nomgubo wokwenza mnandi ukutya okumnandi kwama Ndiya. Lendawo ithabatha iindwendwe yonke imihla kwindawo elungele ukuva incasa yesidlo sase mini ukususela ngo 11h00 ukuya ku 15h00 ze isidlo zasemveni kwemini sifumaneke ukusuka ngo 18h00 – 22h00.
I-Sun Terrace
Xa uhleli ubona ubuhle bendalo ze utye wanele ukutya okumnandi eSun Terrace. Indawo yangaphandle inomtsalane wokuhlala kamnandi wonwabele isidlo. Lendawo yonela iindwendwe ezininzi ezinokuthi zihlalele isidlo sakusasa esingekho sikhulu, kunye nesidlo sasemveni kwemini nesenziwe ngendlela yase Afrika.
I-Legends
Lendawo iLegends yokutyela inikeza iindwendwe ithuba lokuhamba kwikhaphethi ebomvu, ze ibanikeze into abonokuthi bayikhumbule kuba inikeza imbeko kwabo bodumo abakhe bayindwendwela lendawo eSun City eminyakeni. Inwadi yendidi zokutya kwindawo ethengisa inyama eyojiweyo idityaniswa neentlobo zeziselo ezimnandi, zingathi zonwatyelwe phezu kwencoko ezimnandi.

Iindawo Zokutyela e-The Cabanas

I-The Palm Terrace
Indawo iPalm Terrace iqinisekisa okokuba zonke iindwendwe zonwabela ukuhlala zitye ukutya okumandi. Ihlalisa abantu abangama 450 batye, i-The Palm Terrace ivulelekile okokuba abantu batye isidlo sakusasa, apho bathi baphinda phinde kangangoko befuna bango ngezanga mali ukususela ngo 07h00 ukuya ngo 11h00 ze ixesha lokugqiba ibengu 12h00 ngempela veki. Isidlo sasemini esinokudla okudliwa nakwamanye amazwe, iPalm Terrace iyavula ukususela ngo 18h30 ukuya ku 21h30. Lendawo yokutyela iyavala ngexesha lonyaka lasebusika, kuyacelwa okokuba uqhakamishelane nedesika ekutsalelwa kuyo umxeba phambi kokuba ucele indawo yokuhlala utye.

I-Sun City Resort

I-The Brew Monkey
Indawo i-The Brew Monkey umbono wayo wasukela kuhlobo lwe nkawu iVervet, ubugcisa bayo bubonakalisa indlela yakudala yokwenza ubutywala. Ilungele izidlo zakudala okanye zesintu kunye neebhiya ezenziweyo, lendawo ithengisa iziselo zodidi oluphezulu, iphezulu kwepuli ekwi Valley of the Waves. Iindwendwe zingonwabela nantoni na ukususela kwi kwisidlo okuncinci ukususela kwi pies, izidlo ezincinci ezifama nebhega ezimnandi, iisaladi, iibhega, kunye neebhaskethi ezinokutyiwayo.
I-Food Factory
Ukutya okumnandi okuya entliziyweni kuya tyiwa kumgangatho osezantsi eSun City Resort, ekufuphi kwi Valley of Waves. Iindwendwe zingatya isaladi, pizza, pie, bhega, kunye nee tships zamazambane. Kulendawo iFood Factory, uyacetyiswa uzame intlanzi eyenziwe ngohlobo olungaqhelekanga, ibunny chow eyenziwe ngemifuno kunye ne falafels.
I-Crocodile Lounge
Injikalanga ezolileyo iindwendwe zingayichitha kwindawo iThe Crocodile Lounge. Ifumaneka ekucuphekeni kwe kwebala le golufa eLost City, lendawo yokutyela eSun City ilungele isidlo sakusasa esimnandi kunye nesase mini upholile.
I-Shebeen
Indawo i- At The Shebeen ufumana ukuhlala ufumane ukutya kwesintu sase Mzantsi Afrika. indawo i- Shis’ anyama kunye nokunye okumnandi kweli ziyathengiswa.
I-Gary Player Country Club
Kungcono utye uhluthe phambi kokuba usingise khona, kuba ithengisa ukutya okunga hluthisiyo ncam okuncinci ngokwentengiso kodwa ke inikeza imibono emihle yebala legolufa.
I-Fast Food Arcade
Ifumaneka kwinkundla yokutyela kungangatho ophezulu wendawo yokuzonwabisa. Ziquka: Mugg and Bean, Ocean Basket kunye no Spur.

Iibhari

I-Harlequin’s Bar
Indawo iHarlequin’s Bar ikwintliziyo yendawo I’Smoking Casino’ okanye icasino yokutshaya. Indawo yeziselo ixhaphake ngeziselo eziphambi kokuba ubani atye isidlo sasemveni kwemini, okanye ukuba nexesha elimnandi phambi kokuba kuqal imidlao okanye nantonina eyenzekayo ngalo njikalanga.
I-Palace Pool Deck
Kwindawo I-Palace Pool Deck, iziselo ezinembonakaliso yase Afrika, siyaselwa loxa iindwendwe zigcakamele ilanga kamnandi. Iindwendwe zingatya ipizza eyenziwe ngomlilo xa besonwabela injikalanga epholileyo ePalace Pool Deck.
I-Treasure Island Snack Bar
Ifumaneka eWaterworld kufuphi nechibi, iindwendwe zingafumana okutyiwayo okukhawulezileyo phambi kokuyokuchitha ixesha nosapho. Gcakamela ilanga edekini nowabele isidlo esimnandi neziselo, uncokole kamnandi.
I-Cherry
Yonwabela iTapas kunye neziselo ezixutyiweyo kule bhari eyi Cherry Bar ekumngangatho ophezulu, phambili okanye emveni kokuzama intlahla yakho koomatshini bokungcakaza. Lebhari iphezulu komgangatho we casino eSun City Hotel ne Casino, kunye ne Funky tunes ziyafumaneka ku DJ osebenza apha.
I-Cabanas Pool Bar
Indawo yomoya opholileyo inikeza umoya wendawo emveni kwemini yeziselo kunye nezidlo ezincinci eCabanas Pool Bar.
I-Luma Bar and Lounge
Iindwendwe zingahlala zisele iziselo nezidlo ezincinci eLuma Bar and Lounge, ime bucala kwipuli eCascades Hotel. Lendawo ilungele iindwendwe ziphole kamnandi zisele ikofu okanye igilasi yesiselo esikrakra, igrangqa.
I-Tusk Bar and Lounge
Lendawo iTusk Bar and Lounge inemihombiso yehlathi. Ilungele ukutya phambi kwedinala, emveni kwedinala okanye isidlo sasemini esikhawulezileyo, incwadi lokutya okudidi oluphezulu ineziselo ezahlukileyo kunye ne canapes ezimnandi.
I-Maze Bar
Indawo iMaze Bar inengqokelela yeebhiya ezikhethiweyo ezimnandi kunye nemibono emihle yendawo iSun City engathi yonwatyelwe. Le bhari inga celelwa imisebenzi yabucala kunye nemibhiyozo.

Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel