I-Pilanesberg Game Reserve
eSun City Resort, ese Mzantsi Afrika

Indawo iPilanesberg National Park ekufuphi eSun City kwiphondo lase North West, eMzantsi Afrika, uqhuba kuphela iyure enye xa uqhuba usuka eJohannesburg.Ikwindawo yakudala- engasetyenziswayo- ekwenzeka kuyo inyikima yomhlaba, iPilanesberg isikelelekile ngokuba nomtsalane, ilikhaya kwizilwanyana ezintlanu zeli, ibonisa imibono emihle ye antilophu kunye nezilwanyana ezincinci ezitya ezinye kwaye asikho isifo sika malaleveva, lendawo ithandwa kakhulu.
Indawo yokuhlala iquka indawo yokuhlala kunye nezindlu ezinendawo yokuziphekela, izindlu ezinkulu kunye nenye encinci eyenziwe kakuhle ephakathi kulendawo. Eneneni, iindwendwe ezininzi eziya kwi paki yezilwanyana zihlala kwi Sun City ekufuphi. Ngokufanayo nokubuka ngexesha besezimotweni zabo, ungayinxalenye yohambo lokujikeleza nibuka izilwanyana, okanye uhambo apho ukhatshwa khona okanye into enomahluko- ubhabhe emoyeni phezulu kwalendawo yezilwanyana.
Indawo iPilanesberg National Park, ithabatha indawo engange 55 000 ye hektare, yeyesine ubukhulu kweli lo Mzantsi Afrika. lendawo yezilwanyana ingenaso isifo sika malaleveva iphezulu kwentsalela zo nyikimo mhlaba olwenzekayo ne alkaline- enye yezangqa ezintathu kwilizwe lonke.
I-Pilanesberg iphakathi kom-mandla ophakathi kwe Kalahari eyomileyo kunye namazantsi amanzi wemifuno, eyaziwa njenge ‘hlathi’. Ayifani nezinye iindawo zezilwanyane, ubukho bezilwanyana ezizitho zine, iintaka kunye nemifuno zenzeka ngenxa yalomsantsa. Izilwanyana ibhade, Iingcuka, iRed -eyed Bulbul, kunye ne nemithi ye Camelthorn efumaneka kwindawo ezomileyo zifumaneka zihlala ne Impala enqabileyo efumaneka kwindawo emanzi, iBack-eyed Bulbul ne Cape Chest nut trees.
Imithunzi eyimibala-bala, iindawo ezohlukileyo zokuhlala nepanorama izakonwabisa abafoti ngako konke, kodwa nalowo undwendweleyo ungaqapheli nto. Ukuqhuba phambi kokuphuma kwelanga nasemveni kokutshona kwelanga kuyenzeka kuxhomekeke ekuvuleni igeyithi namaxesha okuvula/nokuvala.
Ngokomhlaba, indawo yase Pilanesberg yindumasi kumhlaba wonke. Ubume bayo, obaziwa njenge ‘Pilanesberg National Park Alkaline Ring Complex’ kwenzeka nge nyikima mhlaba kwiminyaka engama 1 200 million yeminyaka. Ngaphandle kobungakanani babo, ubume kunye namatye, indawo yemvelaphi yenyikima nesangqa esathi senzeka yenze imihlaba eyahlukileyo.
Oku kunikeza enye yendawo ezintle eMzantsi Afrika. Inikeza iintlobo zendawo yokuhlala yezilwanyana zasendle. Ngenxa yoku, iPilaesberg National Park ingakwazi ukuthwala iintlobo zezilwanyana zasendle ngaphezulu kwayo nayiphi na indawo yezilwanyana eMzantsi Afrika. Funda ngakumbi nge Safari Lodges ezikufuphi eSun City ePilanesberg National Park.
Sun City Resorts and nearby Hotels : Sun City Accommodation : South Africa Hotels
©2024 Siyabona Africa (Pty)Ltd - Private Travel